isiXhosa | Nal'ibali
Home | Languages | isiXhosa

isiXhosa

Ukusinda cebetshu

UOlwethu, ingwane, wayephumle kudini lwelitye elikwidama elikhulu elikufutshane nolwandle. Wayesoyika. Wayeqala ukuba kude kangaka nedama lakowabo elikuqaqa lolwandle. Wayesoloko eziva ekhuselekile kuqaqa lolwandle, ekude lee nonxweme kunye nabantu. ...

Usuku lwemidlalo yeembaleki kwiSikolo Samabanga Aphantsi Sezinambuzane

Ilanga lalithe qhakra kwakusasa njengoko uLulu wayehleli kwigqabi lengca kwibala lemidlalo lesikolo sakhe. Namhlanje yayilusuku lweembaleki kwiSikolo Samabanga Aphantsi Sezinambuzane. ULulu wayenemincili nyhani. Wayeza kuthatha inxaxheba kwi-high ...

Izacholo zobuhlobo

UPalesa noGracie babengabahlobo abasenyongweni ukususela beseneminyaka emithathu ubudala. Babengabamelwane, ibe noomama babo babengabahlobo. Babeshiyana ngenyanga ekuzalweni ibe bakhuliswa ngathi ziintombi zomntu omnye. Yonke into babeyenza kunye. ...

Ingcongconi nephela

Ngobunye ubusuku basehlotyeni obabushushu, iphela lathi chu linqumla itafile yasekhitshini. Lalisitya iimvuthuluka zesonka ezazisasazwe kulo tafile yintsapho yalapho, ngoku eyayilele yoyi kwiibhedi zayo. Kuthe kusenjalo leva isandi. Tzzzz, Tzzzz! ...

UNyathana nezinto ezivungamayo

UNyathana wavuka engatyhilekanga ngalo ntsasa. Wayengalalanga buhlayo ngobusuku bangezolo. Ubusuku bonke, wayesiva izandi ezothusayo kwithafa elinamatyholo. Ekuqaleni, ezi zandi zazisitsholo kude, kodwa zaya zisondela ngokusondela. Zazivakala ngathi ...

Izilwanyana zinehlebo

Kwakukho inkwenkwana egama linguTshego. Yayikuthanda kakhulu ukwazi izinto kodwa inayo nendawana yokungamameli. UTshego wayekuthanda ukubuka iindawo aqalayo ukuya kuzo. Wayebuza imibuzo ngayo yonke into. “Mama, izilwanyana ziyeva? Mama, ...

Ikati nephela

Iphelana elingamameliyo elibrawuni lalihlala endlwini enye nentsapho ethile eyayinekati. Eli phelana lingamameliyo librawuni, njengayo yonke intsapho yamaphela, lalikuthanda ukutya. Amaphela awanyanzelekanga ukuba atye yonke imihla, kodwa kulo mzi ...

Isizathu sokuba uNgwenya ahlale emlanjeni

Ngenye imini, kudala, uNgonyama wakhethwa ukuba abe ngukumkani wasehlathini. Ngalo mini, uQwarha waqokelela zonke izilwanyana waza wathi, “Masenzeni itheko sibhiyozele ukumkani wethu omtsha.” “Licebo elihle nyhani elo,” watsho uHlosi. ...

Yintoni leyo?

Namhlanje lusuku lokuqala lweeholide zesikolo! Ikwalusuku lwemarike, yaye uMme wa Afrika usa uAfrika noDintle emarikeni ukuyothenga ithoyi okanye into emnandi. “Mnye nje umqathango phambi kokuba ufumane ithoyi yakho okanye into emnandi,” utsho ...

UMatty nomthi weapile onobugqi

Kwakukho intombi egama linguMatty. Wayehlala kwifama encinci, apho umhlaba wawulukhuni nomsebenzi unzima. Kodwa uMatty wayengumfama ongaqhelekanga. Wasebenza nzima ngokuzimisela kuloo ngqatsini yelanga ukuze alime imifuno eyaneleyo awayeza ...