Kutheni inyanga imana incipha iphinde ibenkulu
Posted on March 19th, 2019
Kudaladala, uMama uNyanga wayekhanyisa isibhakabhaka rhoqo ebusuku.
Wayenengubo ethungiweyo, eyayenziwe ngewulu nerhali entle yegolide.
Ingubo yakhe yayibengezela kakhulu,
kangangokuba kwakukho ukukhanya okwaneleyo ukuze bonke abantu bakwazi ukubona ebumnyameni.
Maxa wambi, uMama uNyanga wayezisonga aziqinise ngengubo yakhe, ehle aze kutyelela emhlabeni.
Ngobunye ubusuku, phakathi kanye ebusika, kufuphi nonxweme lomlambo, wadibana nexhegwazana elalihlala lodwa…