isiXhosa | Page 9 | Nal'ibali
Home | Languages | isiXhosa

isiXhosa

UTemo namasela Ezityalo

UTemo wayeyintombazana encinane ekrelekrele eyayihlala kwilali yaseQunu. Wayekuthanda ukuya esikolweni nokufunda izinto ezintsha.

Ngenye imini esikolweni, iklasi yakhe yafunda ngokutyala nokukhulisa imifuno. UTemo wayethabathekile ...

Wenza njani ukuze ube liqhawe elibalaseleyo

UTimo wayehlala kwidolophana erhanqwe ziintaba, amasimi aluhlaza namahlathi amahle, kodwa eyona ndawo wayeyithanda kakhulu yayiyipaka. Wayekuthanda phaya kuba wayeziva eliqhawe elibalaseleyo xa ebaleka ejikeleza, ekhwela kwiqonga elijikelezayo ...

Usuku lokukhunjulwa

“Khawulezisa, Neo, asinaxesha lininzi!” watsho uHope ebeka phantsi ingxowa yakhe enzima. UHope noJosh babelinde uNeo. Bonke babesiya epakini njengenxenye yesicwangciso sikaHope! UHope wayeqale ukucinga isicwangciso emva kokufunda incwadi entsha ...

* Read this story aloud to children who are learning to read 
* Support beginner readers (7-10 years old) by reading this story with them
* Children older than 11 years would enjoy reading this story on their own

Unja

Ngoko laliselitsha ihlabathi, uNja wayeyinto yasendle. Wayechitha iintsuku zakhe ezulazula ethafeni yedwa. Ebusuku wayebebeka intloko phezu kwamathupha akhe afipheleyo aze agade umqolomba wakhe.UNobantu, umfazi wokuqala, wayehlala kungquphantsi ...

Ummangaliso weenwele

UZinhle wayekuthanda ukudlala ugqaphu ebaleni lokudlala kunye nabahlobo bakhe uSindi noZongi. Inye kuphela into eyayimkhathaza. Xa abahlobo bakhe bexhumaxhuma, iinwele zabo zaziphephethekela phezulu nasezantsi, ziphinde zijuleke ukusuka ecaleni ...

UTimi nomchebi weenwele

UTimi nomama wakhe babehlala kwiDolophu iMozala. Kukho into eyayingaqhelekanga kakhulu ngoTimi – iinwele zakhe! Zazikhula ngokukhawuleza okukhulu. Zazikhula ngokukhawuleza kangangokuba umama wakhe wayemsa kumchebi weenwele qho ngoMgqibelo ukuze ...

Uluhlu lokuzakuthengwa lukaNomsa

UNomsa wayebukele udadewabo omdala, uMandisa, esenza isihombiso sentamo. Umama wabo wakhwaza esekhitshini,

“Mandisa, nceda undiyele evenkileni. Nalu uluhlu loko oza kukuthenga.” UMandisa walufunda uluhlu loko aza ...

Ibali likaSinqolankomo noNyathi

Mandulo, uSinqolankomo wayenomlomo otyheli obengezelayo. Wayehlala kungquphantsi omncinane kwithafa elinengca ende.

Yonke imihla ebetshayela ungquphantsi wakhe phambi kokuya engceni ukuya kuzingela okona kutya akuthandayo.

Ebusuku ...

Umngcwabo kaNgwenya

Zonke izilwanyana zazisazi ukuba uNgwenya unemfumba enkulu yegolide emzini wakhe, kodwa akakho owakhe wayibona kuba uNgwenya wayenolunya kwaye ekhohlakele. Wayeza kuzileqa azilume ngamazinyo akhe abukhali. Ngosuku olushushu lwasehlotyeni, uNkawu ...

Iminqweno emithathu

...