UNyathana wavuka engatyhilekanga ngalo ntsasa. Wayengalalanga buhlayo ngobusuku bangezolo. Ubusuku bonke, wayesiva izandi ezothusayo kwithafa elinamatyholo. Ekuqaleni, ezi zandi zazisitsholo kude, kodwa zaya zisondela ngokusondela. Zazivakala ngathi kukukhala kwesisu sikaTamkhulu uNdlovu xa elambile! Ngale ntsasa kwakubonakala ngathi azikho ezinye iinyathi ezizivileyo.
Ibe nangona uNyathana wayengoyena mncinci ngobudala kulo mhlambi weenyathi, wayengazukubuza amanye amathole eenyathi ngezi zandi! Kuthekani ukuba ayeza kucinga ukuba uligwala aze amncithe ngalo nto? Intsasa yonke, uNyathana wayezibuza ukuba inoba ibiyintoni le ibisenza izandi ezivungamayo. UTamkhulu uNdlovu wayezizolele ehlafuna amagqabi omthi ekuthiwa yi-mopane xa uNyathana wagqitha kuye esiya ngasedamini lamanzi. “Tamkhulu uNdlovu, ibisisisu sakho esi besingxola kakhulu izolo ebusuku ebendisiva ndikwelinye icala ledlelo elinamatyholo?” wabuza uNyathana. “Hayi, Nyathana. Ibingendim. Isisu sam siqalise ukuvungama emva kokuphuma kwelanga kusasanje,” waphendula uTamkhulu uNdlovu. Emva koko wajika wemka esiya ngasemithini emide.
Edamini, uNyathana wafumana uMakazi uMvubu egcakamele ilanga. “Makazi uMvubu, khange uve sandi sivungamayo izolo ebusuku?” wabuza uNyathana “Hayi, Nyathana. Iindlebe zam bezisemanzini. Khange ndive nto tu,” waphendula uMakazi uMvubu. Emva koko wazamla ekhamisa kakhulu ngendlela ezenza ngayo iimvubu evala amehlo akhe ukuze athi ngqwa kancinci ngalo mvakwemini. Imvakwemini yonke uNyathana wayezibuza ukuba ibiyintoni le ebisenza isandi sokuvungama. Wabuza wonke umntu adibana naye ukuba usivile na eso sandi, kodwa akukho nomnye owathi usivile. “Mhlawumbi ubuziphuphela nje, Nyathana,” waphendula watsho uMama uNyathi xa embuza.
Ibe ke nyhani wayemele ukuba uyayazi into ayithethayo uMama kuba uNyathana wayelele ecaleni kwakhe. Yathi yakuphel’ emehlweni imitha yelanga, yalixesha lokuba uNyathana nazo zonke ezinye iinyathi babeke amacala kulo ngca ithambileyo ngobo busuku. UNyathana wayesandula ukubiwa bubuthongo xa wavuswa ngumothuko. Ngaphandle kwamathandabuzo, wayeve isandi esivungamayo kwakhona! Ekuqaleni, esi sandi sasivakala sikude, kodwa saya sisondela ngokusondela. Ibe saya singxola ngokungxola! Uvalo lukaNyathana lwalungongoza ngathi ligubu. Wabhekabheka ekhangela ukuba ezinye iinyathi azisivanga na esi sandi, kodwa zazilele yoyi. Nkqu noMama uNyathi wayengashukumi. UNyathana waziva esoyika. Kwavungama kwavungama kwavungama kufutshane naye. Kwathi kusenjalo, … CHAPHA! Kwabakho into emanzi ewela empumlweni kaNyathana! Chapha, chapha, chapha! Aya esanda amachaphaza amanzi avelayo.
UNyathana waphakamisa intloko. Amachaphaza amakhulu amanzi awa emaninzi evela esibhakabhakeni. UNyathana wayothula intsini ezihleka ... kakade ... imele ukuba yayimvula le. Wayeqala ukukhe abone kusina imvula! Ibe okuya kuvungama wayekuva yayiziindudumo qha! Ayikho into eyayimele ixhomise amehlo apho. Exolile entliziyweni, uNyathana wazisonga ecaleni komzimba ofudumeleyo kaMama uNyathi. Wamamela isandi semvula isiwa kumagqabi nakwingca kangangexeshana, emva koko walala yoyi engayikhathalele into eyenzeka ehlabathini.
Yenza ibali linike umdla!
- Ngaba usakhumbula usiva isandi esothusayo? Wenza ntoni? Kwathi kanti yintoni eyayisenza eso sandi?
- Zoba umfanekiso kaNyathana noMakazi uMvubu. Zoba iqamza elinamazwi athethwa nguNyathana nathethwa nguMakazi Mvubu. Wathathe ebalini amazwi kwinto ethethwa ngumlinganiswa ngamnye uze uwabhale kwiqamza lamazwi awathethayo.
- Cinga ngemvula. Bhala umbongo ochaza isandi esenziwa yimvula, ivumba elibakho xa kusina kunye nendlela evakala ngayo xa isitsho kuwe eluswini.