Izilwanyana zinehlebo
Home | Written stories | Multilingual stories | Izilwanyana zinehlebo

Written stories

Try our growing collection of stories to print out or read aloud at home with the whole family.

Izilwanyana zinehlebo

Author

Libhalwe nguMbali Nyabane

Illustrator

Imizobo izotywe nguJiggs Snaddon-Wood

Kwakukho inkwenkwana egama linguTshego. Yayikuthanda kakhulu ukwazi izinto kodwa inayo nendawana yokungamameli. UTshego wayekuthanda ukubuka iindawo aqalayo ukuya kuzo. Wayebuza imibuzo ngayo yonke into. “Mama, izilwanyana ziyeva? Mama, izilwanyana ziyayiqonda into esiyithethayo? Mama, izilwanyana ziyakwazi ukuthetha? Mama, kutheni iikati zithanda ukuthi nyawuuuu?” Wabuza oko ke akayeka de umama wakhe wathi makaye kudlala phandle. UTshego waphuma phandle waza wahlala ecaleni kwekati yakhe, uFrisky. Wajamela uFrisky, waza noFrisky wamjamela oku kwakhe. Yayingathi uFrisky unento afuna ukuyithetha.

“Akwaba bendingathetha nawe uze nawe uthethe nam, Frisky,” watsho uTshego. Kodwa uFrisky wavele wathi nyawuuu waza wamfulathela uTshego. UTshego waphefumlela phezulu. Wayezibuza ukuba bekunganjani ukuba zonke izilwanyana bezikwazi ukuthetha. Endaweni yokuba izinja zikhonkothe, iikati zithi nyawuuu neentaka zintyiloze, beziza kukwazi ukuthetha zize zichaze le nto ziyifunayo. UTshego wahlekela ngaphakathi akucinga le nto ibe wayesazi ukuba soze yenzeke. “Tshego?” UTshego wothuka wabanda akuva igama lakhe, kodwa ke yayinguMama emi emnyango. Wayenxibe umnqwazi wakhe omibalabala awunxiba xa besiya endle.

 

                                                                                                                                                                                                     

 

Ngoko nangoko uTshego wakhumbula ukuba babeza kuyohlala ezintenteni endle! “Tshego, upakishe yonke into oyidingayo?” uMama wabuza. “Ewe Mama, ndigqibe izolo ebusuku ukupakisha,” watsho uTshego encumile. “Masihambe ke!” watsho unina. “Ndiyabona ukuba utatakho sele egqibezela ukulayisha izinto emotweni.” UTshego wayesazi ukuba kuza kuba mnandi ukuhlala ezintenteni endle. Wayenomdla wokwazi yonke into ngezilwanyana ezazihlala kufutshane nendawo ekumiswa kuyo iintente. Le ntsapho yakhwela emotweni ibe njengoko babehamba ngemoto, uTshego wabala imizuzu de bayokufika kwindawo ekumiswa kuyo iintente. Indawo ekumiswa kuyo iintente yayintle. Yayijikelezwe yimithi, ibe kuTshego yayingathi alisafiki ixesha lokubuka le ndawo aqala ukuya kuyo. “Tata, ndingayotheza iinkuni esiza kubasa ngazo umlilo ngeli xesha wena umisa intente?” uTshego wabuza.

“Licebo elihle elo, kodwa ungayi kude. Andifuni ulahleke kule mithi mingaka,” watsho uTata. “Kulungile!” uTshego wakhwaza njengoko wayebaleka eyokukhangela iinkuni. Kodwa ngenxa yokuba uTshego wayethanda ukwazi izinto kakhulu kwaye enayo nendawana yokungamameli, waya engena phakathi ehlathini engayiqaphelanga nokuyiqaphela loo nto. Wakhangela phantsi kwamagqabi, ngemva kwamatye naphezulu emithini ukuze abone zonke izilwanyana ezihlala apho. Kuthe xa uTshego sele eqokelele inyanda enkulu yeenkuni, wabhekabheka waza wabona ukuba … ulahlekile! Ngelo xesha, yonke imithi yayibonakala ifana, ibe waqonda ukuba akazuyazi indlela ebuyela kwindawo ekumiswa kuyo iintente

Kungekudala kwarhatyela, ibe kwakungekho nyanga. UTshego wahlala phantsi, wagoba amadolo akhe azokutsho esifubeni waza walilela phantsi. Uya kuze abafumane phi abazali bakhe kwakhona? Kuthe kusenjalo uTshego weva amazwi asebezayo kufutshane. Wayeka ukulila waza wabhekabheka. Ngaba abazali bakhe babeye bakwazi ukumfumana? Kodwa yayingengabo abazali bakhe aba. Phambi kwakhe kwakumi ihashe elinomkhitha kunye nesikhova esinamehlo amakhulu arawundi. “Yintoni ingxaki yakho, kwedini? Ulilela ntoni?” sabuza isikhova. UTshego wayengazikholelwa iindlebe zakhe. Ngaba nyhani yayisisikhova esi sithetha naye? “U- … uyakwazi ukuthetha?” uTshego wathintitha watsho. Isikhova sahlekela ngaphakathi. “Kakade, siyakwazi ukuthetha. Khawutsho ke ngoku, kutheni uhleli wedwa apha ebumnyameni.” “Ndilahlekile bendizotheza iinkuni zokubasa umlilo kwindawo esimise kuyo intente,” watsho uTshego.

 

                                                                                                                                                                                   

“Inoba ulambile,” latsho ihashe. Isisu sikaTshego sangxola singqinelana nalo! “Yima apha ndiza kukuphathela into yokutya.” Emva koko, ihashe lankcunkca lemka. Isikhova sashiyeka silindise uTshego. Ihashe labuya liphethe isebe elineeapile ezinkulu ezibomvu. UTshego wathi nqwam nqwam iiapile zambini waza emva koko waziva ebhetele. “Mamela ke, ndicinga ukuba ndibabonile abazali bakho kwela cala,” latsho ihashe. “Yiza, khwela apha kum emqolo, ndiza kukusa kubo.” UTshego wakhwela ehasheni, saza isikhova sabhabha saya kuthi ngcu egxalabeni likaTshego. Bonke bemka betyhubela loo mithi.

Kungabanga thuba lide bafika kwindawo ekumiswa kuyo iintente. UTshego wehla ehasheni waza wazibulela zombini ezi zilwanyana ngokumnceda kwazo. “Ndiza kuphinda ndinibone?” wabuza. “Mhlawumbi,” saphendula isikhova, emva koko zombini ezi zilwanyana zaphel’ emehlweni zibuyela emithini. “Mama, Tata!” wakhwaza uTshego njengoko wayebaleka eyokubanga kakhulu. Abazali bakhe babebonakala benexhala. “Ndicela uxolo ngokumka ixesha elide kangaka, bendilahlekile. Ngethamsanqa, ihashe elinomkhitha kunye nesikhova esinobubele ziye zandibuyisa apha kuni. Benisazi ukuba izilwanyana ziyakwazi ukuthetha?” UTshego wayengayeki ukuthetha!

Umama notata wakhe babekuvuyela kakhulu ukumbona kangangokuba bavele bancumelana baza bamanga kwakhona uTshego. Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, yayilixesha lokugoduka. Bathe nje ukuba bafike ekhaya, uTshego wabaleka wayokukhangela uFrisky. “Molo, Frisky. Ubundikhumbule?” wabuza uTshego. UFrisky wazolula waza watsho ngonyawuuu ophantsi. “Ndiyalazi ihlebo lenu,” uTshego watsho, “ibe xa ulungele ufuna ukuthetha, ndikhona.” UFrisky wagudla intloko yakhe kwingalo kaTshego waza wayokuhlala phezu kwamadolo akhe. Ibe uTshego waqonda ukuba uFrisky uyiqonde yonke into ayithethileyo!

  • Yenza ibali linike umdla! 
  • Wakha walahleka wena kwindawo ongayiqhelanga? Waziva njani? Wayifumana njani intsapho yakho kwakhona?
  •  Ucinga ukuba izilwanyana ziyayiqonda into esiyithetha kuzo? Kutheni ucinga njalo?
  •  Khetha nasiphi isilwanyana. Ngoku bhala phantsi imibuzo emibini obungathanda ukusibuza yona ukuba besikwazi ukuthetha.
  •  Bhala isiphelo esitsha seli bali. Masithi uFrisky ebeye wathetha noTshego. Ebengathini uFrisky?