Ngenye imini, kudala, uNgonyama wakhethwa ukuba abe ngukumkani wasehlathini. Ngalo mini, uQwarha waqokelela zonke izilwanyana waza wathi, “Masenzeni itheko sibhiyozele ukumkani wethu omtsha.” “Licebo elihle nyhani elo,” watsho uHlosi. “Ndicinga ukuba ibe nguNgwenya odanisa nokumkani ngosuku lwetheko.” “Ndiyavuma,” watsho uCilikishe. “Kodwa ukuba uNgwenya uza kudanisa nokumkani, ufanele ahlambe emlanjeni ukuze isikhumba sakhe sicoceke kwaye simenyezele, njengesi sam.” Zonke izilwanyana zavumelana noCilikishe. Isikhumba sikaNgwenya sasirhwexa kakhulu kwaye sifiphele.
Kwakufuneka ahlambe emlanjeni ukuze isikhumba sakhe sicoceke kwaye simenyezele ukwenzela umdaniso wakhe nokumkani omtsha. Kodwa usizana olunguNgwenya lwalungavumelani nazo. “Andikwazi kuhlamba emlanjeni!” wakhala watsho uNgwenya. “Andizange ndalubeka unyawo lwam emlanjeni mna. Andikwazi noko kudada!” Kodwa akukho nesinye kwizilwanyana esammamelayo uNgwenya. Zonke zaphuma entlanganisweni zagoduka.
UNgwenya wayeshiyeke yedwa. Wayenexhala kakhulu lokuba zonke izilwanyana zaziza kumhleka xa engakwazi kudada. Isikhumba sakhe sasiza kucoceka kwaye simenyezele njani xa engakwazi kuhlamba emlanjeni? Kwathi qatha icebo kuye. “Ndiza kuya emlanjeni ebusuku xa zonke izilwanyana zilele. Akukho mntu uza kundibona xa ndizama ukudada.” Ngobo busuku, ngoxa zonke izilwanyana zazilele, uNgwenya wehla waya emlanjeni. Wayecinga ukuba akukho silwanyana sibukeleyo, kodwa elibele ukuba uSikhova wayethe qwa ebusuku! USikhova wabukela njengoko uNgwenya wayengena ngobunono emlanjeni waza wafunda ukudada. Kodwa uSikhova wathi cwaka akenza sandi.
Ekugqibeleni lwafika lona usuku lwetheko. Zonke izilwanyana zahlanganisana kwindawo yembutho. “Ukhona umntu owaziyo ukuba uphi uNgwenya?” wabuza uCilikishe ebhekabheka. “Ndiyathemba ucocekile kwaye uyamenyezela ukuze adanise nokumkani.” Kodwa kwakungekho mntu waziyo ukuba uphi uNgwenya. Emva koko uSikhova wathi, “Ndicinga ukuba ndiyamazi apho akhoyo. Ndilandeleni!” Zonke izilwanyana zalandela uSikhova njengoko wayebhabha esiya ngasemlanjeni. Emlanjeni, zafumana uNgwenya ebonakala enomsindo kwaye elusizi. Wayeneentsuku eziliqela esemlanjeni, kodwa isikhumba sakhe sasiserhabaxa, singacocekanga kwaye singamenyezeli tu kwaphela. “Sicela uphume emlanjeni,” zakhwaza zisitsho zonke izilwanyana. “Itheko sele liza kuqalisa kwaye kufuneka udanise nokumkani!”
“Hayi, andicingi!” waphendula uNgwenya. “Kwaye ukuba nabani na uyasondela apha emlanjeni, ndiza kumtya. Nonke nindenze ndanomsindo kakhulu.” Yiloo nto ke, nanamhlanje, uNgwenya ehlala emlanjeni. Isikhumba sakhe siserhabaxa ibe usenomsindo kakhulu. Ibe akukho nokuba sibe sinye isilwanyana esisondelayo kuye. Zonke zoyika kakhulu ukutyiwa nguNgwenya!
Yenza ibali linike umdla!
- UNgwenya wayesoyika ukuhlekwa zezinye izilwanyana, ngoko waya yedwa emlanjeni. Ucinga ukuba licebo elihle ukuya endaweni wedwa ungakhange uxelele umhlobo okanye umntu wakoweni ukuba uyaphi?
- Yintoni eyayisenza uNgwenya azicaphukele ezinye izilwanyana? Ucinga ukuba siyavakala isizathu sokuba acaphuke? Kutheni kungalunganga ukuhlala unomsindo ixesha elide kwabanye abantu?