isiXhosa | Page 19 | Nal'ibali
Home | Languages | isiXhosa

isiXhosa

Isihiba esinguThukile

Kudaladala kwakukho indodana egama linguThukile. Wayehlala nomama wakhe kwindlwana yabo encinane. Babehlupheke kakhulu kwaye umama wakhe wayefumana imalana ngokuthengisa amaqanda esikhukukazi sakhe.

UThukile wayesonqena kakhulu kangangokuba ...

* Read this story aloud to children who are learning to read 
* Support beginner readers (7-10 years old) by reading this story with them
* Children older than 11 years would enjoy reading this story on their own

Ilizwi likaKamuzu

Ezantsi kweenduli zaseMpumalanga ezambathiswe yingca eluhlaza kwakukho ifama. Kwidlelo elalikule fama, ihashe uKamuzu lalisoloko lizityela khona ingca ngokuzolileyo. Zonke izilwanyana zale fama zazingabahlobo. Zazininzi izinto ezazincokola ngazo, ...

Ibali elimangalisayo likaZimkhitha owayebhabha

Kwaye kukho intombazana egama linguZimkhitha eyayikuthanda kakhulu ukuhleka. Kwakumcaphukisa kakhulu utata wakhe oku kuhleka. Ngenye imini wayemgodusa ngemoto, bevela esikolweni. Bathi xa befika ekuqaleni kwesitalato sabo, wabe sele edikwe nyhani! ...

  •  Read this story aloud to children who are learning to read 
  • Support beginner readers (7-10 years old) by reading this story with them
  • Children older than 11 years would enjoy reading this story on their own

UThembela emoyeni

“Heyi, Thembela!” wakhwaza uMama. “Kuvuthuza umoya ombi phandle. Ngena endlwini okanye uza kungenwa yingqele.”

Kodwa uThembela akakuphulaphulanga oko kuba wayonwabe kakhulu. Iinwele zakhe ziyaphaphazela zinyuke ziye phezulu, zize ...

* Read this story aloud to children who are learning to read 
* Support beginner readers (7-10 years old) by reading this story with them
* Children older than 11 years would enjoy reading this story on their own

Isitiya sikaMnumzana Shabalala

UMnuzana Shabalala wayenomhlaba omkhulu. Wayehlala endlwini entle, enomthi wama-apile, efuye neenkukhu kwaye enaso nesitiya semifuno.

Umthi wama-apile wawumkhulu kakhulu. Amasebe awo ayemade kakhulu kangangokuba ayenabele phakathi esitiyeni, ...

Isitayile senwele esitsha sikaThandi

Posted on April 12th, 2016
Ngenye imini uThandi waya esikolweni eziva eneentloni. Usisi wakhe omdala wayemfakele iinwele ezifakelweyo ezizibreyidi. UThandi wayezithanda kakhulu kodwa wayenexhala lokuba abanye abantwana baza kumjamela kuba wayohlukile kunesiqhelo. Kuqala, kweza enye inkwenkwe kuye yatsala enye yeebreyidi zakhe. ‘Zintoni ezi?’ wabuza ehleka. UThandi waziva efuna ukulila Kwathi ngelo xesha kwaya uZulfah noDavid kuye. UZulfah wathi, ‘Owu,...

Yin'a le

Kwakusina, idyudyuza nyhani, kwaye u-Amina yena wayekruqukile kwaye enesithukuthezi. Kwakungekho namnye kubahlobo bakhe owayekwazi ukuza kudlala naye kwaye bonke abantu apha endlwini babexakeke zezabo! Bonke abantu babehlala bexakekile! ...

Kunganjani ngoku…?

Posted on April 12th, 2016
Ngenye injikalanga wathi utata kaDavid xa efika ekhaya evela emsebenzini wafika elambile, nonyana wakhe elambile. Kodwa uDavid wayemdaka kakhulu emva kokuba wayedlale kakhulu esikolweni! ‘Lixesha lokuba uhlambe,’ watsho utata. ‘Andifuni kuhlamba namhlanje, ndiyabulela Tata,’ watsho uDavid. ‘Hayi ke mntanam, unyanzelekile ukuba uhlambe!’ watsho utata. ‘Ndicinge nto … Ucinga ntoni ngokuba ukhawulezise uhlambe lo...

Impangele eyayizalela amaqanda egolide

Kudala-dala kwakukho indoda eyayihlupheka kakhulu egama layo yayinguMzi.

“Abantwana balambile, kwaye asinamali yokuthenga ukutya,” walilisela ngelitshoyo umfazi wakhe uPumla. “Siza kwenza njani?”

“Ndiza kuya kuzingela,” ...

Ingozi

Posted on April 12th, 2016
Ngenye imvakwemini, usapho lukaZulfah lwalusekhitshini. Wonke umntu wayenento ayenzayo. UZulfah wayencedisa utata wakhe ukuba banqunqe imifuno ukuze benze isuphu. Umama wakhe wayehlamba izitya esinkini. Umnakwabo Zulfah uAshraf, wayenxaniwe. Wayefuna into yokusela kodwa akuzange kubekho mntu wamvayo xa wayesithi, ‘Nditela idinki!’ ngoba bonke babexakekile. UAshraf wayedla ngokuba nebhotile kodwa wayengayiboni ndawo. Wathi...