isiXhosa | Page 21 | Nal'ibali
Home | Languages | isiXhosa

isiXhosa

Ixhegokazi kunye nehagu yalo

Ngenye imini ixhegokazi lalitshayela ekhayeni lalo laze labhaqa imali elalisele layilibala kudala. Lavuya kakhulu kangangokuba lajikeleza lidanisa, licula

“Khangela apha,” latsho liyibambile liyiphakamisele phezulu le mali. “Ndiza ...

  • Tell this story to younger children.
  • Read this story aloud* to children who are learning to read 
  • Support beginner readers* (7-10 years old) by reading this story with them
  • Children older than 11 years would enjoy reading this story on their own

Ukuhlangula isilwanyana

Posted on April 12th, 2016
Ngenye intseni eyayinetha, uDavid wavuswa yingxolo ethi “myawu, myawu, myawu” eyayisitsho ngaphandle kwefestile yekamire yakhe. Wabaleka waya kuvusa utata wakhe baze bobabini baphuma baya kujonga phandle. Babona ikati emnyama ebhityileyo izimele emthini. “Ibonakala isoyika yaye ibuthathaka,” watsho uDavid. Eli ntshontshwana lajonga kuDavid lakhala ngakumbi. “Ndicinga ukuba inokuba lenzakele,” watsho utata kaDavid. “Masifune ileli...

Ukumkani weentaka

Kudala-dala ilizwe liselitsha, uNkwazi, ukhozi lohlobo olungunomakhwezana, lwabiza zonke iintaka.

“Njengoko nisazi,” watsho, “uBhubesi ingonyama ngukumkani wezilwanyana. Kodwa kutheni kufuneka ethethele nathi zintaka? Kufuneka sikhethe ...

Ikhaphetshu elikhu-u-u-lu

Posted on April 12th, 2016
Ngenye imini umakhulu kaZintle wahlala wabukela uZintle esikha iitumato egadini. ‘Yiv’ apha makhulu,’ watsho uZintle enika umakhulu wakhe itumato erawundi ebomvu. “Ndazityala ngokwam!” ‘Enkosi Zintle, unesandla esihle okunene,’ watsho umakhulu. Wahleka uZintle. ‘Andiboni ngolo hlobo makhulu. Ndasebenzisa iresiphi yokutyala kaLazola.’ ‘Ewe,’ watsho umakhulu. ‘Umalume wakho uyazingca ngeresiphi yakhe! Ingaba ndakhe ndakuxelela ngebali lekhaphetshu elikhulu...

UNtatu nomthi weBommelak

Kudala-dala – phambi kotatomkhulu wakho nokhokho wakhe nditsho notatomkhulu kakhokho wakhe – uMini noBusuku babengenantloni. Babehamba emhlabeni njengawe lo.

Yonke imihla kusasa, uMini wayevuka ebuthongweni. Wayehlamba ubuso bakhe kwiqula ...

Intwanana nje encinane

Wathi xa uSibu esiza kuhlala kwisitalato iLanga Avenue, uNkosikazi Magona waxelela bonke abamelwane ukuba baze nentwanana yale nentwanana yaleyaa, ukuze bamamkele ngoko. Ngoko ke uSibu wafumana abahlobo abaninzi bokwenene. Babemthanda naye ...

Isithembiso sisithembiso

Iingwamza ziintaka ezinemilenze emide e-orenji kunye nemilomo emide e-orenji, nezibhabha ukusuka eMantla ziye emaZantsi zize ziphinde zibhabhe zibuyele emva. Nantsi into ke, kudala-dala iingwamza yayizezona ntaka zingxola kakhulu kwihlabathi xa ...

Isidlo

UTata uSmuts wayengumlobi. Kodwa, iintlanzi zazingeninzanga njengokuba kwakunjalo kudala kwaye ngezinye iimini wayekhe abuye nelize. Xa kunjalo, isi-aram esinguTata uSmuts sasiye sizive sikhathazeke kakhulu.

Xa kunjalo uMama uSmuts wayeye ...

Isigebenga senkunkuma

Posted on April 12th, 2016
Qho kusasa utata kaSiraaj wayeqhuba itraki. Yitraki yesiqhelo ngoba itsaza amanzi  yaye ineebrashi ezinkulu ezirawundi phaya ezantsi kufuphi namavili. Utata kaSiraaj uthi sisigebenga esikhulu senkunkuma esitya inkunkuma eshiywa ngabantu esitalatweni ethi ihambe ikorobha izitalato! Uthi sisigebenga esilungileyo ngoba sibamba inkunkuma nokungcola yaye ukuba besingekho, thina besiza kuba sengxakini! Utata kaSiraaj uthanda...

UPhindulo kunye nethanga

Ilanga lalikhangeleka njengevatala evuthiweyo esibhakabhakeni esasiphezulu, kude lee kwintloko kaPhindulo. Wayekuthanda ukuhambahamba ehlathini amamele iintaka zicula emithini. Kodwa usuku lwanamhlanje lwalahlukile. Kwakukho ingxolokazi eyayivela ...