Isigebenga senkunkuma | Nal'ibali
Home | Content | Isigebenga senkunkuma

Written stories

Isigebenga senkunkuma

Qho kusasa utata kaSiraaj wayeqhuba itraki. Yitraki yesiqhelo ngoba itsaza amanzi  yaye ineebrashi ezinkulu ezirawundi phaya ezantsi kufuphi namavili. Utata kaSiraaj uthi sisigebenga esikhulu senkunkuma esitya inkunkuma eshiywa ngabantu esitalatweni ethi ihambe ikorobha izitalato! Uthi sisigebenga esilungileyo ngoba sibamba inkunkuma nokungcola yaye ukuba besingekho, thina besiza kuba sengxakini!

Utata kaSiraaj uthanda ukubalisa ngemini apho esi sigebenga silungileyo sasingaphilanga khona, saze safuneka ukuba sisiwe egaraji. Ngaloo mini wavuka, wanxiba, walungiselela ukuya emsebenzini, wadla isidlo sakhe sakusasa waze wathi chu ukuya emsebenzini ngo-5 ekuseni. Wathi njengokuba ehamba nje esiya emsebenzini utata kaSiraaj, kwakho into emxelela ukuba olu usuku luza kwahluka kwezinye iintsuku zempangelo. Wabona…