Ukuhlangula isilwanyana
Home | Content | Ukuhlangula isilwanyana

Written stories

Ukuhlangula isilwanyana

Ngenye intseni eyayinetha, uDavid wavuswa yingxolo ethi “myawu, myawu, myawu” eyayisitsho ngaphandle kwefestile yekamire yakhe. Wabaleka waya kuvusa utata wakhe baze bobabini baphuma baya kujonga phandle. Babona ikati emnyama ebhityileyo izimele emthini.

“Ibonakala isoyika yaye ibuthathaka,” watsho uDavid.

Eli ntshontshwana lajonga kuDavid lakhala ngakumbi.

“Ndicinga ukuba inokuba lenzakele,” watsho utata kaDavid. “Masifune ileli ukuze …”