Ukwenza ubuyatha
Posted on March 29th, 2016
Ngenye imini eyayinetha, ilixesha lekhefu labantwana esikolweni, kwanyanzeleka ukuba abantwana mabahlale ngaphakathi eziklasini. Bathi bakugqiba ukutya, abanye abantwana bagqiba kwelokuba benze umdaniso we-hip hop kunye.
Kwaba mnandi ke apho de uTara wathi, “Ndiyazi emasikwenze, masidanise ezidesikeni!”
Waxhumela edesikeni waze… watyibilika waya kuwa phantsi!
‘Awu, awu, iqatha lam,’ wakhala uTara. ‘Liyaqaqamba!’
Abahlabo bakaTara babaleka ngokukhawuleza...