Igwangqa nomthi werharnathi | Nal'ibali
Home | Written stories | Multilingual stories | Igwangqa nomthi werharnathi

Written stories

Igwangqa nomthi werharnathi

Author

Michael Rice

Illustrator

Alzette Prins

Translator

Iguqulelwe esiXhoseni nguNobuntu Stengile

Rhoqo ekuseni, xa kanye ilanga litshisela, igwangqa elincinane lalibhabha lisuka kwindlu yalo, lithi ngcu kwisebe lomthi werharnathi, lolule amaphiko alo, liphakamise intloko lize liqalise ukucula eyona ngoma imnandi yokwamkela ukukhanya kwentsasa.

Lark and Pomegranate tree_higher res_

Ngenye intsasa, nje ukuba le ntaka igqibe ukucula, yajonga ezantsi yaza yabona irharnathi enkulu evuthiweyo iwe phantsi emhlabeni. Inokuba irharnathi ithe yakubetheka emhlabeni yavuleka, kuba iinkozo zayo eziqaqambileyo zazithe saa zingathi ngamatye abomvu exabiso xa amenyezeliswa lilanga.

Igwangqa lehla emthini laze laqalisa ukunqola-nqola iinkozo zerharnathi ezazinencindi. Lithe xa linyusa intloko liza kucula kuba lifumene ukutya okumnandi kangaka, olunye ukhozo lwerharnathi lwaxaba emqaleni. Igwangqa loyika kakhulu kangangokuba labhabha lantingela esibhakabhakeni.

Phezulu esibhakabhakeni, lathi lakukhohlela luthimla, lwataka ukhozo olo. Ukhozo lwawela emhlabeni lwaze lwahlala eliweni elingakwelinye icala lentaba.

Igwangqa labhabha lemka lingenzakalanga, kodwa lona ukhozo lwaluminxiseleke kwithanda eliselityeni. Lwahlala apho iminyaka emininzi phambi kokuba luntshule. Kwakungekho mhlaba olunokuthi lukhule kuwo, kwaye lalinkcenkceshelwa kanye emva kwexesha elide ngamanzi ankcenkcezayo, egqitha ngakulo.

Ngenye imini, emva kwesiphango, ukhozo lwaqalisa ukukhupha ihlumelo elincinane, elalikhangela nantoni na enokulenza likhule. Emva kwexesha elide lakwazi ukubambelela kakuhle kwiintanda zelitye, kwaye kwakungekho nto inokulususa.

Lahamba ke ixesha. Amaxesha onyaka elandelelana ukudlula, elinye emva kwelinye. Ihlumelo elibuthathaka lakhula laba ziingcambu ezikwaziyo ukungena nzulu kwiintanda zelitye, zaze ekugqibeleni zaliqhekeza ilitye lazingceba, lo gama amasebe alo wona ejolise esibhakabhakeni.

Wakhula ngolo hlobo ke umthi.

Iintaka zakhisela iindlwane zazo kumasebe awo, zisondliwa ziziqhamo zawo, ezazisiwela emhlabeni okanye ezaziqengqelekela, ziwele naphi na emhlabeni, apho ziya kulinda imvula khona ukuze yenze umhlaba uthambe kuloo ndawo ziwele kuyo.