Kunganjani ngoku…?
Home | Content | Kunganjani ngoku…?

Written stories

Kunganjani ngoku…?

Ngenye injikalanga wathi utata kaDavid xa efika ekhaya evela emsebenzini wafika elambile, nonyana wakhe elambile. Kodwa uDavid wayemdaka kakhulu emva kokuba wayedlale kakhulu esikolweni!

‘Lixesha lokuba uhlambe,’ watsho utata.

‘Andifuni kuhlamba namhlanje, ndiyabulela Tata,’ watsho uDavid.

‘Hayi ke mntanam, unyanzelekile ukuba uhlambe!’ watsho utata. ‘Ndicinge nto … Ucinga ntoni ngokuba ukhawulezise uhlambe lo mzuzu mna ndipheka isidlo sasebusuku?’

‘Kodwa ndifuna ukuhlamba nawe,’ watsho uDavid engathi ukhathazekile.

‘Sithini ke ngesidlo sasebusuku?’ wabuza utata. “Siza kuphekeka njani?’

‘Kunganjani ukuba singapheka isidlo sasebusuku sobabini apha ebhafini?’ wacebisa watsho uDavid…