Into ekhethekileyo
Home | Written stories | Multilingual stories | Into ekhethekileyo

Written stories

Into ekhethekileyo

Author

Ibhalwe nguJacqui Lange

Illustrator

Imizobo nguJulie Smith-Belton

Listen to the story here

“Tyip-tyip-tyip, ngenani, nina nitsho ngobuhle!”

Rhoqo ngokuhlwa, umakhulu kaJasmien wayebiza iinkuku zakhe ukuba zize kulala, aze azivalele ngaphakathi ukuzigcina zikhuselekile kwizilwanyana ezilambileyo.

Yaye kwintsasa nganye uJasmien wayezivulela kwakhona aze aqokelele amaqanda eziwabekileyo.

Eli yayilelona xesha limnandi losuku kuye.

 

Iinkuku zikaMakhulu zaziziimilo nobungakanani obahlukileyo, kodwa uJasmien wayethanda enye kakhulu ngaphezu kwazo zonke.

ULady wayesisikhukukazi esingqoqo.

Wayenongele olujikojiko nesisila esithe saaa.

Xa uJasmien wayezipha iinkuku ukutya okuyintsalela, wayesoloko eqinisekisa ukuba uLady ufumana okona kumnandi.

Ngenye imini, uLady wanyamalala.

UJasmien wakhangela kuyo yonke indawo, kodwa uLady wayengekho.

“Mhlawumbi isangxa simtyile,” watsho uEddie.

“Okanye umhlangala?” UJasmien wayengafuni ukucinga ngaloo nto.

“Lady, ungokhethekileyo kum,” watsho uJasmien kamnandi.

 

“Akufanelekanga ukuba ube nobakhethayo kwabanye,” wangxola uKhulu.

Inkuku nganye ikhethekile ngendlela yayo.”

Kodwa uJasmien wayengakwazi ukuzinceda.

ULady wayengoyena amthanda kakhulu.

 

Kwadlula iiveki ezintathu zonke engekho uLady.

Kwada kwasa uJasmien wayakuvulela iinkuku.

Weva isandi sikatswitswi tswitswi.

YayinguLady elandelwa ngamantshontsho amathandathu anoboya obuntofontofo!

“Tyip-tyip-tyip,” watsho uKhulu.

“Lady okrelekrele, uzimele ukuya kuqandusela amaqanda akho!” Ngoku uJasmien wayenezinye ezikhethekileyo.

Izimvo eninokuthetha ngazo

ULady wayekhethekile kuJasmien. Yintoni okanye ngubani okhethekileyo kuwe? Ukhetheke njani? Ingaba ngamanye amaxesha uziva ukhethekile kwaye ngamanye ungakhethekanga? Ngoba?

Umfanekiso

Jonga ngononophelo umfanekiso okumaphepha amabini okuqala ebali. Zingaphi onokuzifumana kwezi:

  •  iinkukhu
  • amaqanda  
  • iibhaskithi
  • iifestile
  • ingcango
  • iitshimini

Ukufunda

Khangela amagama! Khangela ngalinye lala magama ebalini uze ufumane into echazwa lilo ngalinye kuwo: krelekrele, phothekile, mpukumpuku, lambile, nde, namachokoza.

Ukubhala

Zoba umfanekiso kaLady namantshontsho akhe amathandathu. Thiya igama intshontsho ngalinye. Bhala igama ngalinye ngezantsi komfanekiso wentshontsho okanye ucele umntu akubhalele lona.

Ubuchule

Zoba imilo yeqanda kwikhadibhodi okanye ephepheni elimhlophe, uze ulisike ulikhuphe. (Cela umntu omdala akuncede ukuba kuyimfuneko.) Hombisa iqanda lakho ngokuzoba iipateni ezohlukeneyo kulo okanye ulipeyinte.

Ukwenza

Ziindlela ezingaphi ongazitsho ngayo izandi ezisebalini, Tyip-tyip-tyip notswitswi? Ungazitsho njengenkukhu endala kunye nanjengentshontsho? Lifunde ngokuvakalayo ibali usitsho la magama ngendlela ezifanele izehlo ezisebalini. Okanye, cela umntu ukuba akufundele ibali, uze ke ungene xa besitsho la magama ezi zandi.