Ingcongconi nephela
Home | Written stories | Multilingual stories | Ingcongconi nephela

Written stories

Try our growing collection of stories to print out or read aloud at home with the whole family.

Ingcongconi nephela

Author

Libhalwe nguMadikapi Pulane Mahlasela

Illustrator

Imizobo izotywe nguMagriet Brink noLeo Daly

Ngobunye ubusuku basehlotyeni obabushushu, iphela lathi chu linqumla itafile yasekhitshini. Lalisitya iimvuthuluka zesonka ezazisasazwe kulo tafile yintsapho yalapho, ngoku eyayilele yoyi kwiibhedi zayo. Kuthe kusenjalo leva isandi. Tzzzz, Tzzzz! “Yinton’ leyo?” labuza iphela. Lalaqaza kodwa alabona nto. Laphinda lasiva kwakhona. Tzzzz, Tzzzz! “Ngubani lo wenza le ngxolo icaphukisayo?” lasebeza latsho iphela.

“Ndiyingcongconi,” laphendula ilizwi. “Ungubani wena? Ibe kutheni usebeza nje?” Iphela lajongajonga. “Uphi?” labuza. “Umel’ ukuba umncinci nyhani kuba andikuboni. Ndiyathemba uyazi ke ukuba ndim ophetheyo apha.” Ingcongconi yahlala etafileni kufutshane nephela. “Nguwe ophetheyo?” yatsho ingcongconi ngelizwi elinyembayo. Iphela alizange liyithande tu ke le into. “Ndim ophetheyo apha. Xa abantu bendibona ndisitya ukutya kwabo, bayakuyeka bangabi sakutya. Kuba kokwam, nto leyo ebonisa ukuba bayandihlonela kwaye bayandoyika,” laqhayisa latsho iphela. Emva koko lajika layifulathela ingcongconi lahamba laya ngasesinkini apho kwakukho izitya ezimdaka laza laqalisa ukutya ukutya okusele ezipleyitini. Lonke elo xesha, ingcongconi yayilithe ntsho iphela.

                                                                                                                                                                    

Emva koko yabhabha yajikeleza intloko yephela, isenza isandi sayo lonke elo xesha. “Ukuba nguwe ophetheyo, kutheni ke usitya ukutya abakushiyileyo?” yabuza ingcongconi. Iphela laphekuza ngomlenze walo ongaphambili ukuze ligxothe ingcongconi, kodwa ingcongconi yaqhubeka itswina ijikeleza iphela. Ekugqibeleni, iphela lathi, “Khawuyeke ukwenza le ngxolo inezothe torho? Xa abantu bengasibhaqa, baza kusityumza sobabini.”

“Mna andiboyiki abantu!” yaphendula ingcongconi. “Ndiyabaluma ndize ndimfimfithe igazi labo. Xa bezama ukundityumza, ndiyaphepha ndize ndiphel’ emehlweni. Xa kanye becinga ukuba ndimkile, ndiyabuya! Ingxolo endiyenzayo iyabaphambanisa. Bazigquma ngeengubo naxa kutshisa. Ibe xa ndibalumile, baba nezigxala ezirhawuzela kakhulu.” Emva koko ingcongconi yagigitheka ayayeka. Ngesiquphe kwabakho umntu okhanyisa isibane sasekhitshini. Indoda ethile yahamba yaya esinkini ekhitshini yaza yazalisa iglasi ngamanzi etepu. Iphela lakhawuleza laya kuthi tshwa kuthanda olusemva komnyango lazifihla. Ingcongconi yayibonakala ingenaxhala tu yona.

                                                                                                                                                                         

Yenza isandi sayo esitswinayo, ibhabha isiya ngapha nangapha iphinde ijikeleze le ndoda njengoko yayisela amanzi. Ekuqaleni, le ndoda yazama ukuyiphekuza iyigxothe le ngcongconi ngesandla sayo. Kodwa, le ngcongconi yaqhubeka isenza isandi sayo ijikeleza intloko yale ndoda. Le ndoda yaya icaphuka ngokucaphuka de yayiphekuza ngamandla ngesilipasi sayo. Kodwa ingcongconi yayiphephaphepha nje izolile ijikeleza intloko yayo, isenza isandi sayo esilizothe. Ekugqibeleni, le ndoda yancama, yacima isibane yaza yabuyela ebhedini.

“Kubhetele ndihlale kule ndawo ndizifihle kuyo,” lacinga latsho iphela. “Andiyazi nale ngcongconi ukuba iyephi kwaye andiqinisekanga nokuba kukhuselekile na ukuphuma.” Lazinceda ngokuqhubeka lizifihlile kuba ingcongconi yayibhabhe yaya kwigumbi labantwana yaza yenza isandi sayo kufutshane neentloko zabo. “Tata!” wakhwaza omnye umntwana. “Kukho ingcongconi egumbini lethu.

Sicela uze kusinceda.” Kwavuka yonke intsapho, ibe kungekudala wonke umntu wayebhuqa kwigumbi ngalinye bephethe imiqamelo nezilipasi, belungele ukubetha loo ngcongconi. Kodwa ke, qho kukho umntu oyibhaqayo, yayivele iphephe ize iphel’ emehlweni. Yaqhubeka le nto, kodwa ekugqibeleni, abantu bancama. Babuyela ezibhedini baza bazigquma iintloko ngeengubo zabo, nangona kwakutshisa kakhulu. Ingcongconi yabhabha yaza yabuyela ekhitshini, iphela laphuma kwindawo elalizifihle kuyo.

“Yho, hayi undoyisile,” latsho libhekisa kwingcongconi. “Ububaphehluzelisa bonke aba bantu bezama ukukubamba, kodwa akukho nomnye okwazileyo.” “Bendikuxelele ndathi andoyiki mntu mna. Yitsho ke, ucing’ ba ngubani oyena uphetheyo ke?” yabuza ingcongconi. “Nguwe kaloku!” laphendula iphela. “Umncinci unjalo, kodwa uboyisile abantu.” “Ndiyavuya ke xa sivumelana ngalo nto,” yatsho ingcongconi ngokuzingca. “Ukususela ngoku ke, uze undibize xa abantu bekusokolisa.” “Ndiza kwenjenjalo, enkosi kakhulu,” laphendula iphela njengoko lalikhawuleza liyokukhangela okunye ukutya okuseleyo. Ukususela loo mini, iphela nengcongconi zaba ngumtya nethunga zaza zasebenzisana ekucaphukiseni abantu kangangoko zinako!

Yenza ibali linike umdla!

  •  Khawucinge ngazo zonke izidalwa ezicaphukisa abantu: iingcongconi, iimpukane, amaphela nazo naziphi na ezinye ozaziyo. Sesiphi esona sicaphukisayo? Kutheni usitsho?
  •  Bhala umbongo ngesinye okanye ngezingakumbi kwezi zidalwa zingasentla. Cinga ngenkangeleko yazo, indlela ezihamba ngayo, izandi ezizenzayo nezinto ezizenzayo ezicaphukisa okanye ezoyikisa abantu.
  •  Ziyilele esakho isinambuzane! Sizobe isinambuzane sakho. Bhala ukuba sikhulu kangakanani, sitya ntoni nokuba senza eziphi izandi.