Itshokholethi kaJeb | Nal'ibali
Home | Written stories | Multilingual stories | Itshokholethi kaJeb

Written stories

Itshokholethi kaJeb

Author

Ibhalwe nguLesley Beake

Illustrator

Imizobo nguTamsin Hinrischsen

UJeb wayemtsha kuloo ndawo.

Wayengenabahlobo. Wayelilolo.

 

Wayehamba elusizi, ekhaba amatye. Wayenetshokholethi epokothweni yakhe, kodwa yayingamncedi nganto.

Wasala eselusizi. Wayenetshokholethi, kodwa wayengenabahlobo. 

UJeb waphantsa wagila intombazanana. Yayilila.

“E-e-h… Ndingakunceda?’’

‘Hayi.’

UJeb wacinga okomzuzwana. Ungayithanda itshokholethi?

Intombazanana yancuma. “Enkosi.”

 

UJeb nentombazanana bahamba kunye. Baphantsa ukugaxeleka kumlo! Amakhwenkwe amabini ayesilwa.

UJeb wacinga umzuzwana. Ningayithanda itshokholethi?

Amakhwenkwe ayeka ukulwa. “Ewe!”

 

UJeb nentombazanana namakhwenkwe amabini baqhubeka bahamba. Baphantsa ukugaxeleka kwinenekazi elihamba nenja.

Inja yoyika kakhulu isakubona uJeb nentombazanana namakhwenkwe amabini, kangangokuba yabaleka.

Kwathatha ixesha elide ukuyibamba. Inenekazi lalishushu kakhulu kwaye licaphuka

“Ungayithanda itshokholethi?”

Inenekazi lancuma. “Ewe! Ndiyabulela!”

UJeb walinika iqhezu lokugqibela letshokholethi. Wayengenayo yena itshokholethi.

Kodwa abahlobo bona wayenabo!

Izimvo eninokuthetha ngazo

Uthe akwabelana ngetshokoledi yakhe nabanye uJeb, baba ngabahlobo bakhe. Yeyiphi enye indlela ongabe ubenze ngayo abahlobo abatsha? Buthetha ntoni kuwe ubuhlobo? Yintoni eyenza abantu bazive bengamalolo? Ingaba wake waziva ulilolo?

Umfanekiso

Zoba umfanekiso wakho uziva ulilolo.

Ukufunda

Yiya kwiphetshana lemisetyenzana apha:  Bhala inani kwibhokisi nganye ukuze ubeke imifanekiso ngokulandelelana. Fumana umbhalo ohambelana nomfanekiso ngamnye ebalini.

Ukubhala

Bhalela ileta yombulelo umntu owenze umahluko ebomini bakho ngokuba nobubele kuwe.

Ubuchule

Sebenzisa ipleyiti yephepha okanye usike isangqa sekhadibhodi. Kwicala elinye zoba ubuso “bokuziva ulilolo” kwaye kwelinye icala, zoba ubuso “bokuziva wonwabile”.

Ukwenza

Sebenzisa imifanekiso enonjolwe ngokuchanekileyo ukulibalisa kwakhona ibali.