Injani ingelosi? | Nal'ibali
Home | Written stories | Multilingual stories | Injani ingelosi?

Written stories

Injani ingelosi?

Author

Njabulo Mokoena

Illustrator

Chantelle le Burgen Thorne

Ngenye imini esikolweni, uTitshalakazi uJane wabaxelela ngeengelosi. USharon wayenemincili yinto ayifundileyo kangangokuba wabalisela umama wakhe ngazo zonke izinto ezintle ezenziwa ziingelosi ukufika nje kwakhe ekhaya ngaloo mini.

“Mama, injani ingelosi?” wabuza njengoko wayesitya ukutya kwakhe kwasemva kwesikolo.

 

 

"Andazi, sana lwam. UTitshalakazi uJane uthe zinjani iingelosi kanti yena?” wabuza uMama.

“Uthe siza kuyazi ingelosi xa siyibona,” watsho uSharon, ebutyhafa. Akwaba uTitshalakazi uJane wayebaxelele ukuba injani kanye kanye ingelosi. USharon wayeza kutsho azi ukuba makajonge ntoni!

“Awumkholelwa na uTitshalakazi uJane?” uMama wabuza.

“Andazi. Ndiyazibuza ukuba ndiza kuyibona njani ingelosi xa ndingazi nokuba kujongwa ntoni,” watsho uSharon. Emva koko wagqibezela ukutya kwakhe waza wabeka ipleyiti nekomityi yakhe esinkini.

“Khawuzondincedisa ukline itafile,” watsho uMama. “Lahla amaxolo emifuno kula mgqomo wesichumisi uze uqoqoshe nesiya sonka torho.”

“Ewe, Mama,” watsho uSharon waza ngoko nangoko wenza izinto umama wakhe amcele ukuba azenze.

Ukufika kukatata wakhe evela emsebenzini ngaloo ngokuhlwa, uSharon wabaleka wayokumhlangabeza emnyango. Wathatha ibhegi yakhe yasemsebenzini waza wamphathela yona. Utata wakhe wamanga waza wamncumela.

“Tata, ndicel’ ukubuza,” uSharon watsho engekamniki nethuba lokuhlala phantsi utata wakhe.

“Ewe, mntanam, uthini umbuzo wakho?” wabuza utata wakhe enoncumo olukhulu.

“Tata, injani ingelosi?”

“Eh, iingelosi zilungile, zinobubele kwaye ziyathandeka,” watsho utata wakhe.

“Ndiyazi. UTitshalakazi uJane utshilo naye. Kodwa ndifuna ukwazi ukuba zinjani xa uzijongile,” watsho uSharon.

Utata wakhe wamjonga waza wacinga kangangexeshana. Emva koko wathi, “Ngempelaveki ndiza kukukhupha siyobona enye yazo.”

USharon wavuya kakhulu. “Uyayazi indawo ekuyo?” wabuza emangalisiwe. “Mama!” wakhwaza. “UTata uyazi ukuba ziphi iingelosi!”

“Intle loo nto, Sharon. Ndiyavuya uza kude ufumane impendulo yombuzo wakho,” watsho uMama. Wajonga utata kaSharon enoncumo olukhulu.

Ngentsasa elandelayo kwiteksi yesikolo uSharon waxelela zonke iitshomi zakhe ukuba wayeza kuyobona ingelosi ngempelaveki. Iitshomi zakhe zamncumela nje ke kuba zimthanda uSharon, kodwa zazingayikholelwa le nto wayeyithetha.

Emva koko wachazela utitshala wakhe ngento awayeza kuyenza ngempelaveki. UTitshalakazi uJane wamcela ukuba ngoMvulo eze kubalisela iklasi ngalo lonke uhambo lwakhe lwangempelaveki.

NgoMgqibelo kusasa, uSharon wavuka kwakusasa waza wenza imisebenzi yakhe. Emva koko wahlamba, wanxiba kakuhle waza watya ibrakfesi. Inye nje qha into eyayishiyekile, kukulinda utata wakhe ukuba alungise. Kungekudala uSharon wayesesitulweni sangasemva emotweni ebophe ibhanti ibe bahamba.

“Tata, kukude?” wabuza evuya.

“Sesiza kufika,” watsho encumile. Bahamba ngemoto umganyana baza bayokumisa kwikhaya labantu abadla umhlalaphantsi.

“Heke safika,” watsho uTata ekhulula ibhanti lakhe lesitulo.

“Ikhaya labantu abadla umhlalaphantsi?” uSharon wayedidekile. Zifuna ntoni iingelosi kwikhaya labantu abadla umhlalaphantsi?

“Tyhini, molweni,” watsho omnye umfana esiza ngakubo. “Inoba unguSharon. Ndiye ndabhala uludwe lwezinto ongazenza ukuze usincedise kweli khaya namhlanje.” Wancumela uSharon waza wanika utata wakhe iphepha.

UTata walufunda olu ludwe. Okokuqala, uSharon wancedisa uTata batshayela iyadi. Emva koko baklina izitulo abahlala kuzo abantu abadala xa begcakamele ilanga. USharon wawukhawulezisa kangangoko umsebenzi wakhe ukuze utata wakhe amse kwingelosi.

“Ngoku, siza kuklina iholo yokutyela,” watsho uTata. Batshayela baza bosula uthuli baza bapolisha de yonke into yamenyezela.

Ekugqibeleni, kwabetha ixesha lesidlo sasemini. USharon notata wakhe bahlamba izandla nobuso babo baza baya kwiholo yokutyela. Apho uSharon wancedisa ekuphakeni ukutya waza wakuvuyela ukubuthela bonke abantu njengoko babembalisela amabali akudala. Badlala nemidlalo yebhodi. Emva koko omnye umakhulu wathi kuSharon, “Uyingelosi yokwenyani wena,” waza wamanga kakhulu.

“Ngubani igama lakho, ngelosi yam?” wabuza omnye umakhulu.

“NdinguSharon,” waphendula encumile waza wakhawuleza waya kutata wakhe.

“Oomakhulu bathe ndiyingelosi. Ndatsho ndakhumbula ukuba ubufanele undibonise yona namhlanje, Tata,” watsho.

Utata wakhe wancuma waza wakhomba umfanekiso wabo kwisipili esikufutshane. “Sharon, inje ke ingelosi xa uyijongile.”

 

 

USharon wazijonga kangangexeshana waza wancuma. Wawungathi awusafiki uMvulo azokuya esikolweni axelele iitshomi zakhe notitshala indlela akuthande ngayo ukwenza umsebenzi omhle wokuba yingelosi.

 

[Get story active!] Yenza ibali linike umdla!

  • Bhala umbono osixelela into oyicingayo ngeengelosi.