UMulalo nesigebenga | Nal'ibali
Home | Written stories | Multilingual stories | UMulalo nesigebenga

Written stories

UMulalo nesigebenga

Author

Libaliswa kwakhona nguKai Tuomi

Illustrator

Imifanekiso izotywe nguNatalie kunye noTamsin Hinrichsen

UMulalo wayekwazi ukuthetha nezilwanyana. Wayeyiqonda into ethethwa sisilwanyana ngasinye KWAYE isilwanyana ngasinye sasikuqonda okuthethwa nguMulalo. 

Ngenye imini uthe esahamba-hamba endleuMulalo wagqitha kwindlwane yeentaka eziphothayo nezaziwa ngokuba ziintakananja. 

Khawusincede,” latsho ilizwi elincinane liphuma phakathi kwindlwane, “kukho inyoka apha ezama ukusitya.” 

UMulalo wakroba phakathi kwindlwane leyo kanti ngokwenenekukho inyoka ezisonge phezu kweentaka ezintathu eziphothayo eziziintakananja. Umlomo wenyoka wawuvulekile seyiza kuzinkwamla. UMulalo wayitsalela phandle inyoka wayilahlela ngaphaya kwendlela. 

Haaayi,” yakhwaza ikhala inyokaibhabha emoyeni yaza yawa phezu kwetyholo. 

Siyabulela,” zatsho iintaka eziphothayo, “asisayi kuze sikulibale oku.” 

Phambilana endleleni uMulalo wagqitha kwindawana efukufuku nentsundu ngebala, ekwakuhlala kuyo inxagu eyayivunduza isiduli esikhulu seembovane. 

Khawusincede,” kwatsho amakhulu ngamakhulu amazwi amancinane, “nantsiapha inxagu izama ukuqhekeza isiduli sethu!” Heyi,” watsho uMulaloebhambatha inxagu emqolo, khawuziyeke ezi mbovaneuyalonakalisa ikhaya lazo.” 

Kulungile,” yatsho inxagu , itakela ngaphaya kwesiduli, ibaleka ukuya kungena etyholweni. 

Siyabulela,” zatsho zonke iimbovane kuMulalo, “asisayi kuze sikulibale oku.” 

UMulalo waqhubeka nokuhamba waze wafika emlanjeni. 

Khawuncede,” latsho ilizwi enyeleni yomlamboWajonga uMulalowaze wabona intlanzi ingqengqe esantini. 

Khawundincede undibuyisele emanzini,” yatsho intlanzi, “isigebenga esikhohlakeleyo esidala sindishiye aphakwaye andikwazi kuphefumla emhlabeni ongenamanzi.” 

UMulalo wayibuyisela emanzini intlanzi. DYUMPU! 

Ndiyabulela,” yatsho intlanziitshikizisa amaphiko ayo, “andisayi kuze ndikulibale oku.” 

UMulalo wahamba endleleni egudle umlambo. Wayengekahambi kakhulu ngethuba esiva ezi zandiBHUM! WALAKAHLA! GADLA! Isigebenga sasingqisha ematyholweni! Emva koko uMulalo wasibona sihlala phantsi esiphakathini sendlela – DUDLU! Isigebenga sasisikhulu kangangokuba uMulalo wayesazi ukuba akanakukwazi ukudlula kuso. 

Molo,” watsho uMulalo, “unganceda usuke?” 

Ingaba unayo imali?” sabuza isigebenga. 

Hayi,” watsho uMulalo. 

Hayi keandisuki apha kude kubekho into endiyifumana kuwe,” satsho isigebenga. Mhlawumbi unganayo into onokundihlekisa ngayoXa unokundixelela isiqhulo esihlekisa ngenenendakukuvumela ukuba udlule Ngoko ke uMulalo waxelela isigebenga isiqhulo. Sasimalunga nenkawu kunye nendlulamthikodwa sasingahlekisi kakhulu ngoko ke isigebenga zange sihleke. 

Kuza kufuneka ube nenye into oyenzayo,” satsho isigebenga. “Makhe ndicinge. Uyawubona laa mthi webhowabhi uphaya?” Wanqwala intloko uMulalo. 

Ndiphathele umdumba kumphezulu wala mbhowabhi,” satsho isigebenga, “ukuze ndicinge ngokukuvumela udlule.” 

UMulalo wazama ukukhwela emthinikodwa isiqu somthi sasimtyibilizi kakhulu waze akakwazi ukugwencela kuwo. Ngephanyazo kwadlula into ebhabhayo phezu kwentloko yakhe. 

Singanceda,” zatsho iintaka ezincinane eziphothayo awayedibene nazoIintaka eziphothayo ngamachule okwenza izinto. Zaqokelela ingca neengcongolo zaphotha intambo ende. Zarhintyela intambo ngaphezu kwaloo mthi mde. 

Ndiyabulela,” watsho uMulalowaze wakhwela ngokusebenzisa intambo, wawufumana umdumba wombhowabhi phezulu emthini. 

Akulunganga oku,” satsho isigebengasithatha umdumba. “Unamaqhinga.” 

Ndincedwe ngabahlobo bam,” watsho uMulalo. “Asingomaqhinga lawo. Ndingadlula ngoku?” 

Hayiakunjalo,” satsho isigebenga. “Ibilula kakhulu ke leyoMandikuxelele into. Uyayibona laa ndawo inengca phaya?” wanqwala intloko uMulalo. Isigebenga saza sakhupha ingxowa eneembotyi sazisasaza kuyo yonke indawo enengca. Chola-chola zonke iimbotyi zam phambi kokuba ndifike kumashumi amabini ngokubalaukuze ndikuvumele udlule,” satsho isigebenga sihleka. “Makhe sibone abahlobo bakho bekunceda ke ngoku.” 

UMulalo waya kwindawo enengca waze waqalisa ukuchola-chola iimbotyi zesigebenga. 

Singanceda,” atsho amakhulu ngamakhulu amazwi ephuma engceniUMulalo wajonga phantsi waze wabona inyambalala yeembovane. 

Ndiyabulela,” watshoencumileNgoncedo lweembovaneuMulalo waziqokelela zonke iimbotyi phambi kokuba isigebenga sifike nakwishumi elinesibini ngokubala! Wasinika isigebenga iimbotyi ezo. 

Kungani zikuncedile iintaka eziphothayo neembovane?” sabuza isigebenga, sikhangeleka sidideke ngokwenene. 

Kungenxa yokuba ngabahlobo bam, kaloku benza njalo abahlobo – bayancedana,” watsho uMulalo. 

Ndiyakuvanalu uvavanyo lokugqibela,” satsho isigebengaSachola ilitye elibomvu saliphosa kweyona ndawo inzulu emlanjeni. “Lilande,” satshosihleka. 

UMulalo wajonga ezantsi emlanjeni. Wabona kulenyeza umbala osilivere yaza intlanzi yakhupha intloko yayo ngaphezu kwamanzi. Emlonyeni kuyoyayimumathe ilitye elibomvu. 

Ndiyabulela,” watsho uMulalo. Wanikezela ngelitye elibomvu esigebengeni. 

Isigebenga sasuka salila. “Akwaba nam izilwanyana bezindinceda ngendlela ezikunceda ngayo wena,” satsho isigebenga. Ndikhohlakele ngoko ke akukho nomnye umntu okhe avume nto xa ndimcela. Mhlawumbi kufuneka ndizame ukuba njengawe.” 

UMulalo wasanga saze isigebenga sahamba sabuyela etyholweni. Ukususela ngaloo mini, isigebenga sayeka ukukhohlakala kuba nangona sasingakwazi ukuthetha nezilwanyana njengoMulalosaba ngumhlobo wazo zonke futhi sizinceda nanini na xa kukho imfuneko.