Inkanyamba | Nal'ibali
Home | Node | Inkanyamba

Written stories

Inkanyamba

Author

Libali likaJude Daly

Illustrator

Imifanekiso izotywe nguAlzette Prins

Translator

Liguqulelelwe nguMlamli Matshingana

UMarie-Lou Maritz wazalwa ngexesha lenkanyamba, inkanyamba eyayinamandla kakhulu neyaphantse yatshabalalisa wonke ummandla okwilalana yabalobi awayehlala kuyo. Kwancothuka amaphahla ezindlwini, kophuka zifestile, kwancothuka wena mithi neengcambu zayo ukanti zona izitiya zemifuno zavuthuluka kwayimbuqe.

 

Okona kwaba kubi kakhulu kukuba abalobi abaninzi … abayeni, oobhuti, oonyana nootata … abazange babuyele emakhayeni abo kwakhona. Phakathi kwabo kwakukho notata kaMarie-Lou.

Ngenxa yokuba kwakusele amadoda ambalwa kuloo mmandla, kwanyanzeleka ukuba abafazi baluthathele kubo uxanduva lokuloba. Kungekudala, abahlobo bakaMarie-Lou baqalisa nabo ukuya kuloba ngezikhephe. Kodwa uMarie-Lou yena wayengakwazi kuba wayeyimfama, okanye, xa sisebenzisa uhlobo awayethanda ukuyibeka ngalo le nto umama wakhe, “UMarie-Lou wayezibona izinto ngokwahlukileyo.”

UMarie-Lou wayekucaphukela kakhulu ukusalela ngasemva nokungakwazi ukuncedisa koko kwenziwayo. Ngenye imini wakhe wade wachwechwa, efuna ukungena kwisikhephe eso kodwa wabhaqwa. Nangona kunjalo, wakhangela ezinye iindlela anokunceda ngazo. UMarie-Lou wafunda ukuthunga iminatha, ukucoca iintlanzi nokukorobha izikhephe. Eyona nto wagqwesa kuyo kakhulu uMarie-Lou kukufunda nokuqikelela ukuba umoya uya ngaphi na – ukuze akwazi ukuba awufake nini okanye kweliphi na icala umnatha elwandle kananjalo aphume nini na elwandle xa lusilwa.

Ngabusuku buthile, gqi qaphu umoyakazi oyingozi ongalindelekanga nowawubhudla kuloo mmandla. Abahlali baxakana nento, babalekela ezindlini bazivalela eli xa iminqwazi, impahla exhonywe elucingweni, izityalo, nkqu neebhayisekile neekiriva ziphaphatheka nomoya lowo. Ngethamsanqa kwakungekho mntu oweyesasele elwandle.

Abahlali kuloo lali babebambe ongezantsi, bebukele izindlu zabo zitshabalala ngephanyazo ngethuba ihlasela inkanyamba. Kwakungenjalo kuMarie-Lou kuba eyimfama, yena wonela nje kukumamela ngeendlebe okwenzekayo. Awakuvayo yabazizithonga zokusiphuka kwemithi neengcambu ngokungathi yimicinga yematshisi eqhwithwayo, intlokoma yokuvuthuluka kwesanti, nengxolo yamaza elatyuza, ebetheka ematyeni kwaze emva koko … cwaka.

Ngentsasa elandela inkanyamba, uMarie-Lou wavuka kwangoko, ngaphandle kokuphazamisa unina, watshayelela phandle yonke isanti eyayingene ngaphakathi endlwini. Akugqiba waphumela phandle.

UMarie-Lou wahlala phandle wamamela isandi sokulephuza kwamaza olwandle azolileyo ebetheka elunxwemeni. Isandi sasivakala ngokwahlukileyo ngoku, kaloku ulwandle lwaluvakala lunomsindo kakhulu ngexesha lenkanyamba. Kuthe kusenjalo weva isandi esivakalela kude esingaqhelekanga: sasibukhwina kuqala esi sandi kwaza kusenjalo saguquka, satswina. Sasisiza siphinde sithi shwaka njengamaza ngqo.

Ngokucothayo nangocoselelo, uMarie-Lou walandela isandi eso de wayakufika apho aphela khona amanzi, wema bhuxe elungqamekweni. Isandi savakala ngokungathi sibhabhela phezulu esibhakabhakeni okwesandi esenziwa yinja yolwandle. Saphinda savakala ngokungathi sisandi esingena siphuma emanzini abetheka ematyeni. UMarie-Lou wayesazi ukuba ukufuphi nesandi nangona sasisiya sidamba kancinane. Ekugqibeleni kwathi cwaka.

Ekhathazekile, uMarie-Lou wakhawuleza waya phambili, waza watshibilika elityeni. Weva erhecwa yinto elunyaweni. Ecinga ukuba zizityalo zolwandle, wagoba wayibamba efuna ukuva ukuba yintoni na … thu amabhakubhaku eendlebe ezimanzi, impumlo emanzi, iimpuphu ezine ezimanzi nomsila ojingayo, omanzi toxo. UMarie-Lou wazama ukuyiphakamisa loo nto imanzi kodwa intambo eyayisentanyeni yayo yayivakala ngokungathi ibambeke ematyeni.

Ekugqibeleni, xa sele intambo ikhululekle, uMarie-Lou wayiphakamisa injana eyayiphantse yarhaxwa. Wancuma akubona imbungezelela, imkhotha entanyeni. Emva koko wakhumbula umama wakhe. Ecinga ukuba unokuba uxhalabile – unxunguphele kwaye uyavutha ngumsindo! Wagoduka ngokungxama, suke wakhubeka wawa phantsi ngenxa yokungxama.

Kungelo xesha kanye apho wafunyanwa khona ngumama wakhe uMarie-Lou. Wamanga wandula ukumngxolisa, waphinda wamanga kodwa wamngxolisa kwakhona uMarie-Lou endleleni yonke egodukayo.

Emva koko, ipolisa elisispekthara, uMadliwa wafika ezokuthatha iinkcukacha ezingenjana. Wayibona indlela awayengonwabanga ngayo uMarie-Lou koku, waza wamxelela ukuba angayigcina injana xa kungekho mntu uyilandileyo kwisithuba seveki. Emva koko, ipolisa lancuma laza lathi, “Ndicinga ukuba niyafanelena kakhulu njengamaqabane.”

Yayingathi icotha kakhulu loo veki kuMarie-Lou. Ekupheleni kwayo, zange kubekho mntu oze kuyilanda injana. UMarie-Lou wagqiba ukuba ayithiye igama elinguStorm.

Nangona wayeyinjana esencinane, uStorm wayengahlali kude ngakuMarie-Lou. Kungekudala uStorm wayezazi zonke iintshukumo kwaneendawo aya kuzo uMarie-Lou – uMarie-Lou waqaphela ukuba uStorm ingathi wayesazi nkqu nento awayesacinga ukuyenza phambi kokuba ayenze yena buqu! Wayesoloko ekho ukukhokela uMarie-Lou ukuze angangeni ezingozini, amthwalele ibhegi yesikolo aze amgade naxa elele.

Sebenzisa ubugcisa bakho!

* Ucinga ngayiphi imibala xa ucinga ngenkanyamba? Sebenzisa iipeyinti ezimibala eyohlukileyo ukuzoba umfanekiso wenkanyamba enomsindo kwiphepha elikhulu.

* Yenzela isilwanyana esiyinjana esigama linguStorm ikhadi laseklinikhi. Bhala ezi nkcukacha zingezantsi ephepheni wandule ukuzoba umfanekiso kaStorm kwibhloko engasentla kwazo.

- Igama lesilo-qabane:

- Uhlobo lwesilo-qabane:

- Umbala wesilo-qabane:

- Isini sesilo-qabane:

- Igama lomniniso:

- Idilesi yomniniso:

- Inombolo yemfonomfono yomniso: