Ukuzingelwa kwelamuni | Nal'ibali
Home | Content | Ukuzingelwa kwelamuni

Written stories

Ukuzingelwa kwelamuni

Mandulo phaya, kwakukho ilizwe elalizaliswe zizo zonke iintlobo zemithi yeziqhamo.

Isiqhamo esingazange sabonwa okanye sangcanyulwa mntu, yayililamuni kuphela.

Ngenye imini, intombi yekumkani eyayithandwa nguyise, egama linguBokang, yahlaselwa kukugula.

Oogqirha abaninzi kwanamagqirha bazama ukumnceda, kodwa uBokang zange abenabungcono konke-konke.

Ekugqibeleni, kwabizwa igqirha elalilidala kakhulu. “Kwindawo ethile kweli lizwe kukho umthi weelamuni,”

laxelela ukumkani eli gqirha. “Ukuba ninika uBokang incindi yenye yezi lamuni, uya kuba ngcono…