Ukhozi noNdlulamthi
Home | Content | Ukhozi noNdlulamthi

Written stories

Ukhozi noNdlulamthi

Mandulo phaya, uNdlulamthi wayesisihlobo esisenyongweni sikaKhozi.

Ngenye intsasa, xa aba bahlobo babini babesequleni lamanzi,

uKhozi wabuza kuNdlulamthi wenjenje, “Ucinga ukuba kukho ntoni phaya ezantsi kweli qula?”

UNdlulamthi wakha wacinga okomzuzwana. “Mhhhh, uMvubu uthi kukho imimoya phaya ezantsi,

kodwa mna zange ndiyibone,” waphendula uNdlulamthi.

“Andiqondi ukuba unganaso isibindi sokutsiba, ungene uye kukhangela into ephaya ngaphantsi!” watsho uKhozi.

Nakubeni nje uNdlulamthi wayewoyika kakhulu amanzi, wayengafuni ukuba umhlobo wakhe ayazi loo nto…