UFudo kunye neentaka | Multilingual stories | Nal'ibali
Home | Content | UFudo kunye neentaka

Written stories

UFudo kunye neentaka

Kudala-dala, xa intaka isifa emhlabeni,

umphefumlo wayo wawushiya umzimba wayo undandele emafini apho wawufika uhlale khona njengomntu wasemafini,

owaluse nononophele iintaka nezilwanyana emhlabeni. Iintaka nezilwanyana zazisazi ngaba bantu basemafini.

Kwafika ixesha lokunqaba kwemvula unyaka wonke. Ingca yoma nko, amanzi aphela emithonjeni nezilwanyana zabhuqwa yindlala.

Izilwanyana kunye neentaka zadibana, zaxoxa ngesisombululo kwingxaki leyo yembalela eyayigqugqisile…