Kutheni iinkawu zihlala emithini
Home | Content | Kutheni iinkawu zihlala emithini

Written stories

Kutheni iinkawu zihlala emithini

UNgonyama wayengukumkani wezilo.

Wayezidla ngaloo mgqumo wakhe woyikekayo, ezidla ngamazinyo akhe neenzipho ezibukhali,

kodwa eyona nto wayezidla ngayo ukogqitha zonke ezinye yayiyingubo yakhe ebuboya obubugolide nesingci sakhe.

Ngenye imini esasela equleni, uNgonyama waqaphela ukuba isingci sakhe sikhangeleka sinamatshanda.

“Kwenzeka ntoni ngoku?” wazibuza bubhavuma.

Waguquka buzibhenca waze waqaphela ukuba kukho isihlwitha esixhwithekileyo kobo boya bakhe bubugolide busemqolo.

UNgonyama wakhathazeka kakhulu koku.

Wabaleka waya kubonana noGqirha Fudo ukuze afumanise ukuba angenza ntoni na ukukhusela uboya bakhe…