Kutheni inyanga imana incipha iphinde ibenkulu | Nal'ibali
Home | Node | Kutheni inyanga imana incipha iphinde ibenkulu

Written stories

Kutheni inyanga imana incipha iphinde ibenkulu

Author

Kirstin Hartmann

Illustrator

Heidel Dedekind

Translator

Mlamli Matshingana

Kudaladala, uMama uNyanga wayekhanyisa isibhakabhaka rhoqo ebusuku. Wayenengubo ethungiweyo, eyayenziwe ngewulu nerhali entle yegolide. Ingubo yakhe yayibengezela kakhulu, kangangokuba kwakukho ukukhanya okwaneleyo ukuze bonke abantu bakwazi ukubona ebumnyameni 

 

Maxa wambi, uMama uNyanga wayezisonga aziqinise ngengubo yakhe, ehle aze kutyelela emhlabeni. Ngobunye ubusuku, phakathi kanye ebusika, kufuphi nonxweme lomlambo, wadibana nexhegwazana elalihlala lodwa. Eli xhegwazana lalingoyikiswa kukubona uMama uNyanga. 

 

“Ngena ngaphakathi,” latsho eli xhegwazana limemela uMama uNyanga kwikhaya lalo. Lalivuya kakhulu kuba laliza kukhe libenomntu eliza kuhlala naye. 

 

UMama uNyanga waqaphela ukuba umakhulu wayengayeki ukuqhaqhazela nokungcangcazela kuba wayegodola kakhulu. UMama uNyanga walisizela eli xhegwazana waze walisikela isicwili selatshana kuloo ngubo yakhe yegolide. Eli xhegwazana lombathisa amagxa alo ngeso sigqwengana. Kungekudala laziva lifudumele. 

 

“Enkosi kakhulu,” latsho eli xhegwazana. “Unobubele kakhulu.” 

 

Kodwa kusasa, lakuyibona ixhegwazana indlela entle ngayo ingubo, lafuna esinye isicwili sayo. Lalifuna ukudibanisa izicwili ezibini kunye ukuze lizenzele ingubo enkudlwana. 

 

Kuthe ke ngosuku olulandelayo xa uMama uNyanga elityelele kwakhona, eli xhegwazana lamxokisa lisithi lisagodola. Kwakhona, uMama uNyanga walisizela eli xhegwazana waze walinika isicwili sesibini sengubo leyo intle. 

 

Kusasa, eli xhegwazana lathunga izicwili ezibini lazidibanisa, kodwa lalirhala, lingoneli lifuna okungaphezulu koko. Phambi kokuba uMama uNyanga aze kulityelela kusuku lwesithathu, eli xhegwazana layifihla ingubo yalo eliyithungileyo. Layogquma kakuhle ukwenzela ukuba ukukhanya okugolide kungakhazimli konke endlwini yalo. Emva koko, laxelela uMama uNyanga obunye ubuxoki. Lathi ingubo yalo ibiwe kwaye ngoku ligodola gqitha. 

 

UMama uNyanga wakhathazeka kakhulu. Wayeyibona indlela eli xhegwazana elaliqhaqhazela ngayo kuloo moya wasebusuku. Ngoko ke, uMama uNyanga walinika eli xhegwazana ingutyana yokugqibela eyayishiyekile. Ngoku, uMama uNyanga wayengasakhazimli konke. Wavalelisa kweli xhegwazana, elinqwenelela okuhle wemka. 

 

Emva kweentsuku ezimbalwa abantu kwilali ekufuphi baqalisa ukuxhalaba. Babengasakwazi ukubona ebumnyameni. Yanqaba inyanga ixesha elide kakhulu, bade bafuna ukuqonda ukuba kwenzeka ntoni na. Balayita izibane zabo, baqalisa ukukhangela. Bakhangela iiyure ezininzi, de badinwa baze banxanwa bancama baphumla elunxwemeni lwaloo mlambo. 

 

Besaphumle njalo, beva ilizwi lomfazi olilayo. Xa belaqaza, bafumanisa ukuba nguMama uNyanga lowo. Kwakungekho kukhanya kuye kwaye wayebonakala edakumbile. 

 

“Yintoni le ekunxunguphalise kangaka?” bambuza njalo. “Khona, singakunceda njani?” 

 

UMama uNyanga wababalisela ngengubo yakhe entle nendlela eyayikhazimla ngayo esibhakabhakeni ebusuku. Kananjalo wababalisela nangendlela awayethanda ngayo ukutyelela emhlabeni nangexhegwazana elaligodola. “Andikwazi ukuyoxutha ingubo yam,” watsho uMama uNyanga. “Olu sizana lomfazi alunanto yakuzifudumeza. Kodwa ngaphandle kwengubo yam, andikwazi ukukhanyisa isibhakabhaka ebusuku.” Waphinda wasitsho isikhalo kwakhona. 

 

“Siza kukunceda,” batsho abahlali. “Hamba nathi. Siza kulifumana eli xhegwazana ze sithethe nalo.” 

 

Abazange bayikhangele thuba lide indlu yeli xhegwazana kuba ingubo yayikhazimla kakhulu ngaphakathi. Bakhwaza kakhulu de eli xhegwazana laphuma phandle. 

 

Eli xhegwazana lathi lakumbona uMama uNyanga eme ebumnyameni eneenyembenzi ezidleleni zakhe, lafa ziintloni, ladana ngenxa yokucingela isiqu salo sodwa, lingakuhoyi okwenzeka komnye umntu. Lingathethanga nelimdaka eli xhegwazana, lasuka lamnika ingubo leyo yakhe. Abantu bakhawuleza bamombathisa uMama uNyanga ngengubo yakhe, yaza yathi nje ukuba ithi nca kuye, yaqalisa ukukhazimla, yatsho ngesithatha esikhulu kunangaphambili. 

 

“Phambi kokuba ubuyele esibhakabhakeni ngobu busuku banamhlanje,” batsho, “nceda usixelele ukuba silohlwaye njani na eli xhegwazana.” 

 

UMama uNyanga wakucinga oku ixesha elide waze wathi, “Hayi, musani ukumohlwaya. Kunoko, ndifuna ukumfundisa ukwabelana.” 

 

UMama uNyanga waqhaqha umsonto omkhulu kumazantsi engubo yakhe, waze wawunika eli xhegwazana. “Xa ugodola,” watsho exelela eli xhegwazana, “tsala loo msonto, emva koko uyakukwazi okumele ukwenze.” Akuwagqiba loo mazwi uMama uNyanga wabuyela esibhakabhakeni kobo busuku, eshiya umsonto omde wegolide uthe rhwelele emva kwakhe. 

 

Ukusukela ngaloo mini, uMama uNyanga wahlala esibhakabhakeni, ebengezela kakhulu. Kwaye ukusukela ngaloo mini, kanye ngenyanga, xa eli xhegwazana liqalisa ukuziva ligodola, litsala loo msonto wegolide. Litsala, litsale, liqokelele loo mfumba yomsonto ukuze likwazi ukoluka ingubo yegolide. Njengokuba lisenza oku nje, ingubo kaMama uNyanga esibhakabhakeni iqhaqheka ngokuqhaqheka, ze ibencinane kakhulu de iyeke ukukhazimla ngokubonakalayo.

Emva koko, xa eli xhegwazana lifudumele ngokwaneleyo, liyabulela ze livumele uMama uNyanga ukuba awutsalele kuye kancinane loo msonto kwelinye icala elisesibhakabhakeni. Emva koko, uMama uNyanga woluka ingubo yakhe de iphelele kwakhona, ize ikhazimle ngobuqaqawuli kwisibhakabhaka esimnyama ebusuku. 

 

Yiyo loo nto ke, rhoqo ngenyanga, inyanga imana iba ncinane iphinde ibe nkulu. Isoloko isenza njalo ukusukela ngaloo mini ukuza kuthi ga ngoku.