Ungazithwalisi umthwalo ongaphezukwamandla akho | Nal'ibali
Home | Create your own story | Ungazithwalisi umthwalo ongaphezukwamandla akho

Written stories

Ungazithwalisi umthwalo ongaphezukwamandla akho

Wafika umhla wedinga yayiyimingcili zitsho intsholo ngokuhlukana kwazo iNtaka, wena wake wangena kwisiThokothoko sehlathi apho kukhona nongazange waziva nasemaphupheni. IsiKhova naso sasikho apho kwaye ngeloxesha sasisahamba emini njengezinye iNtaka, yaqala ngalomin' imo yaso yokuhamba ngobusuku. Lafika ixesha elali lindiwe zonke sezikulungele ukubheka phezulu kuyeyo ifuna ukufika kuqala, kukho intaka encinane ekuthiwa nguNonqani kwaye nenye edume kakhulu ekuthiwa LuKhozi. Lentaka uNonqani xa ikhala ityiloza ithi "Nqa... Nqa... Nqa.. Nqa.." ungafunga uthi kukhona into ebethwayo xa ungayiboni. Lafika ixesha ebelindelwe, zasuka iintaka ukubheka phezulu. Lwaqhawulisa uKhozi lukhokhela ingquba leNtaka kwaye lufule umsatsa phakathi kwazo kubonakala mhlophe ukuba lizofika kuqala. Kuthe xa kukude kufuphi kuba lingen' eZulwini kwathi ngqii uNonqani sengena eZulwini kuqala zabuzana iiNtaka uvele phi? Bekungekho bani nje emva koKhozi? Yaba yimibuzo engenampendulo. Kanti ngalo lonke elixesha uNonqani uhleli apha emaPhikweni oKhozi unjonge xa kufikwa angene kuqala. Oh!! yaba ngumsindo nengxolo kwezinye iiNtaka zikhala kodwa zingakhalelili amaqhinga kaNonqani kodwa zikhalela ukubona ngathi ubikhosi buzoba bobeNtaka encinane. Khawubheke nje Amaxhalanga ephethwe yiNtaka encinane kanje, zavungazela zingamkeli ziphumo. UThixo wacela ngesihle zonke iiNtaka kuba ziphind' emva ziyoqalela. Zavuma kanti nyani azixolanga ngaphakathi. Kwathi endlelen' ephindayo zajikela uNonqani zafuna kumbulala zamleqa zamleqa kwatsho kuba unawo amamendu wabaleka wafika emhlabeni wabona umngxunya wesilwanyana iNtuku, iNtuku ke yilento ifana neMpuku kodwa yona ayinawo amehlo. Wangena ke apho uNonqani zakhulakala iiNtaka ukumgrumba, zazama icebo okuba maziyofuna ulungxa ukuze zimbe lowomngxunya. Zathi xa zizohamba ziyofuna ulungxa zacela okokuba kubekhona ezinye iintaka ezizosala zigade angaphumi. Kwacelwa iNgxangxosi kodwa yala, kwacelwa iHlungulu nalo lalandula ekungqibeleni kwacelwa iSikhova zatsho ngazwinye zisithi yena unamehlo amakhulu nguye ongakwazi ukugada. Savuma ke iSikhova sagada zahamba iiNtaka, kuthe zisahambile weva uNonqani kuba ingxolo ayisekho. Wakroba kancinci wabona iSikhona sivule amehlo, wasikaza ngathi uyaphuma sangashukum' iSikhova kanti silele. Wasikaza okwesibini waphuma, zabuya iiNtaka zabuza "akakaphumi"?. Sath' iSikhova "hayi akakaphumi". Zemba ke iiNtaka zemba, zemba kwakudala sebukhathala. Zimane zibuza "Uqinisekile akakaphumi"?. Kuthe ngeli ngeni kwavaka into itsho phezukweNtaka "Nqa... Nqa... Nqa..." zanxakama zathi nakuya nje uNonqani uphumile. Yhooo!!! yaba yimini embi eyo eSikhoveni, sasukelwa ziNtaka sabethwa zibuza "umyekeleni uNonqani"?. Kusekela ngoko ukuze iSikhova sihamb' ebusuku siyabhekwa zezinye iiNtaka ziyabuza wamyekalani uNonqani. ISikhova sazithwalisa umthwal' ongaphezulu kwamandla aso kwathi kanti kukuzifaka engxakini kuba sibona sinamehlo amakhulu. Namhlanje sihamba ngobusuku kuba zazithwalis' amazinki liqgutha.