Ulwandle

Written stories

Ulwandle

Lwandle umhle uyabukeka

Umkhulu okwehlabothi

Lwandle ungamanzi, siyasela

Lwandle ngaphakathi kuwe

Kukho izilwanyana, neentlanzi

Ngaphandle kwakho lwandle

 

Singasela ntoni na

Ungomanzi ububomi kuthi

Lwandle unobongozi bodwa

Awubonakalisi, ufihlakele

Uyinzonzobila, unobunzulu

 

Siyhlamba, siyapheka kuba

Wena ungamanzi, ububomi

Lwandle umhle uyabukeka

Kodwa unobungozi

Kakhulu kwimveku

Masilumkeleni bantwana

 

Ulwandle luhle luyabukeka

Ulwandle lunabungozi

Lufuna umntu oqaphelayo

Masiqhapheleni bantwana