Written stories
Ulwandle
Lwandle umhle uyabukeka
Umkhulu okwehlabothi
Lwandle ungamanzi, siyasela
Lwandle ngaphakathi kuwe
Kukho izilwanyana, neentlanzi
Ngaphandle kwakho lwandle
Singasela ntoni na
Ungomanzi ububomi kuthi
Lwandle unobongozi bodwa
Awubonakalisi, ufihlakele
Uyinzonzobila, unobunzulu
Siyhlamba, siyapheka kuba
Wena ungamanzi, ububomi
Lwandle umhle uyabukeka
Kodwa unobungozi
Kakhulu kwimveku
Masilumkeleni bantwana
Ulwandle luhle luyabukeka
Ulwandle lunabungozi
Lufuna umntu oqaphelayo
Masiqhapheleni bantwana