Kwezontaba zeCederberg
Home | Create your own story | Kwezontaba zeCederberg

Written stories

Kwezontaba zeCederberg

Kumantla wephondo leNtshona Koloni, kwidolophu iClanwilliam ekwintaba ze Cederberg. Ntaba ezo kukho izilwanyana zasehlathini – imfene ngakumbi. Kwa kule dolophu kukho namafama avelisa iziqhamo. Ubudlelwane phakathi kwezo mfene noMfama uPetros babungekho tu! Ingakumbi xa kufikelela ixesha lokuvuna. Kaloku nazo imfene bezizithathela kwezo ziqhamo. Akukho zilwanyana zingenabo ubukhosi okanye iNkosi. UMagontsi wayeyiNkosi yeeMfene, nguye owandlala imithetho emayilandelwe ziiMfene, kwaye zigoloza zinjalo zaziyihlonipha ziyihlonela imithetho yeNkosi – uMagontsi. Ngexesha lobusika wazimema iimfene eziselulawulweni lwakhe, ezimemela kwintlanganiso. Nalapho zange ithathe xesha lide, wenjenje ukuthetha – “Ndiyanibulisa nonke. Uhlobo esizakusebenza ngalo kobu busika nalu: Zinkunzi! Umfama uPetros uyavuna. Kunjalo nje kungantsuku zatywala sizakuhlaba iliso kwiloli zakhe xa zithutha iziqhamo zisingise emalikeni. Into eniza kuyenza kukukhwela kwezo loli zihamba zinjalo. Nakukhwela nichitha – chithe, nisasaze ngobuninzi benu imithwalo yazo. Nina zimazi neentombi zenu! Nizakuchola – chola ezo ziqhamo zizakube zisasaziwe ngamadoda wenu – ziz’ eNkosini” – “Sibeka ubom bethu emngciphekweni xa sisenza njalo. Abaqhubi be moto banako ukusidubula sife fi!”. Yaba nezo zimvo enye imfene, isisithunywa sikaMagontsi. “Iyakuba bubuyatha benu obo! Kakade sihleli sibaninzi, ukufa komnye wenu kukucutheka kwenani, kwaye nokutya kuza kubanako ukusonela”. Wabuyisa ngelo uMagontsi eyichitha nentlanganiso. Kwelinye icala, uPetros wavuna isivuno esincomekayo kunazo zonke iizivuno awake wanazo kwiminyaka edlulileyo. Kwiloli yokuqala. Inene kwazaliseka okwentlanganiso yeeMfene neNkosi yazo – uMagontsi. Zawuchitha – chitha umthwalo zisitya, zibhonga kucaca ukuba ngoko kubhonga ziyanxibelelana kuba zalandelisa ngokugibisela imoto ezidlulayo ngezo ziqhamo. Zalimala xa kulapho iziqhamo zikaPetros, nazo iimfene ezo zaphazanyiswa sisithonga sompu esatsho zadunguka. Ngokwenene ezinye zaba lilifa lokuchanwa zezombumbulu nokunyathelwa zimoto, kodwa iziqhamo zona zazithe saa kuloo ndlela nasecaleni kwayo. Kwala xa sele kuthe nkcwe! Abafazi neentombi zakwaMfene abehleli enkcochoyini yaloo ntaba bebukele, behla ne bhaskiti kwezo ntaba ze Cederbrg bevuma ingoma engenako ukulinganiswa ngabantu. Zachola - chola ezo ziqhamo zithe saa endleleni nasecaleni kwayo. Konwatywa kwahluthwa kwaMfene, ngakumbi kunangaphambili kuba inani lalithiwe cuncu! Ziimbumbulu zabaqhubi beemoto. Konwatywa kwahluthwa kwaMfene. Kuyalilwa kwaPetros, kuba yaba ziindleko neenkcitho kulo Mfama. Kuba kaloku ukuxangxathwa kweziqhamo zakhe ‘de zonzakale kwathoba ixabiso lazo lentengo eMalikeni, kwaye nenani lezo zithengiweyo lalibaleka. Hayi! Ezo zimoshakeleyo! Zazingabaleki. UMfama uPetros kwanyanzeleka ukuba axoze mphini wumbi wokuchitha okanye ukuphelisa iziganeko ezinje. Ukuzizingela bazibulale okanye bazibambe bazise kumzi wogcino – zilo, zange kusebenze kuba iiMfene nazo ziyathutha kwakuphela ukutya kuloo ndawo zihlala kuyo, kwaye iintaba ze Cederberg zaba lixhoba leeMfene kuba zazisuka kwiindawo –ngendawo zizokwamkelwa yiNkosi uMagontsi. Ngokwenene, waxoza mphini wumbi. Wazicenga ezithoba kuMagontsi, emcela ukuba aze konwabela isidlo sangokuhlwa naye. Waphumelela ke kwelo icala kuba emaphethelweni uMagontsi – iNkosi yeentshaba zakhe iiMfene yavuma ukonwabela eso sidlo sangokuhlwa. Kwisidlo sangokuhlwa kwakukho lonke uhlobo lweziqhamo. Yayingucwaka etafileni, kuvakala nje ukubetha kwamaziyo nokuhla kokutya kumbizo. Kwavakala uMagontsi, “Ey! Zimnandi ii – orenji zakho Petros”. Walandelisa ngelithi uPetros, “Zingamnandi ngakumbi xa ungazibi! Uzifumana ngemvume yomnikazi” – “Tyhini ndiva lonto! Ingathi zinencasa eyongezelelweyo mva nje” – “ Magontsi! Kanti ke akukho chatha wencasa ngandawo apha…..” – “Mfama! Ndingenza njani ke ukuze ndizitye ngoluhlobo okokoko ezi ziqhamo zakho?” Watsho ngoncumo olude uPetros, elutsala phantsi kwendlebe yasekhohlo ukuya kweyasekunene. Wenjenje ukuphendula uMagontsi, “Ilula nje lento!” – “Lula njani?” – “Wena ndizakuqasha nje ngonogada wamasimi wam – imini nobusuku bazo. Ndimane ndikunika oluncuthu lweziqhamo ngokomlinganiselo!...” – “Uthi ngabo ndibalawulayo? Uthetha ukuba bayakufa yindlala bon?” – “Yima kaloku! Andikagqibi. Ngempela veki uzakuthatha umthwalo weziqhamo. Ndiyaphinda futhi; ngokomlinganiselo! Isicelo sam sokugqibela, wena uyiNkosi yazo iiMfene. Ilizwi eliphuma kowakho umlomo ziyalihlonipha ezinye iiMfene. Ngako oko ndifuna uziyalele zingaphindi zindihluphe futhi, kuba ukudla uzakubanika. Ngokomlinganiselo wam – ndiyaphinda futhi!” Wathi ukuthetha uMagontsi, “Ilula lonto nje”. Eso sidlo sonwatyelwa ngakumbi. Kumnandi kuhlekwa konwatyiwe kunjalo nje. “Mhlobo wam ndingabuza umbuzo?” Wabuza uPetros. “Khululeka mhlobo wam. Ungabuza” – “Ungakuphathi kakubi lo mbuzo kwaye ungatshintshi isivumelwano sethu samva nje! Kudala ndazingela, kwaye amathambo wezinye izilwanyana sasikhubeka kuwo singabazingeli. Umnqa mnye! Elemfene zange ndake ndakhubeka kulo. Xa omnye wenu ethe wafa nibenza ntoni?” Zange abenampendulo uMagontsi. Yabuza nje usuku emayiqale ngalo, sabe siyachithakala isidlo eso, kwaxhawulwana izandla. UPetros wazakhela ubuhlobo noMagontsi – iNkosi yakwaMfene, ebezifudula zilutshaba kuye. UMagontsi zange akwazi ukulala engayibizanga intlanganiso yeeMfene, ezixelela ngomsebenzi wakhe namaqithi – qithi namaliqi – liqi walo msebenzi wakhe. Wagxininisa ukuziyala ukuba kungabikho Mfene eyakothula umthwalo weeloli zoMfama – uPetros. Wayichitha ke intlanganiso xa kulapho. Kumhla wabonwabela ubomi bokuba nguMfama uMfama uPetros, mhla wenza uxolo neNtshaba zakhe iiMfene.