Written stories
Inja yam
Yintw’ edleb’ ezibhakubhaku
Etsho ngomsila omde
Ebala limnyama ngathi bubusuku
Obungena nyanga
Egam’ elingu Qumezakhe
Yintw’ enoboya obufukufuku
Ndiyaziqhenya ngenja yam
Libukubuku xa ihamba iyanyantsula
Ayisoze ikudumaze xa uyozingela nayo
Nditsho namaqhinga kadyakalashe
Awathathinto kweli qhawe
Indiva ngelizwi ndisaqhamka entla kamzi
Iluncedo kwimfuyo kabawo
Xa iibhokwe zisiya emasini
Ukhwaza kube kanye
Qumezakhe kubo! Ibaleke kakhulu
Izirhawule zibuyele ekhaya
Ndinebhongo kakhulu ngenja yam