Inja yam | Nal'ibali

Written stories

Inja yam

Yintw’ edleb’ ezibhakubhaku

Etsho ngomsila omde

Ebala limnyama ngathi bubusuku

Obungena nyanga

Egam’ elingu Qumezakhe

Yintw’ enoboya obufukufuku

 

Ndiyaziqhenya ngenja yam

Libukubuku xa ihamba iyanyantsula

Ayisoze ikudumaze xa uyozingela nayo

Nditsho namaqhinga kadyakalashe

Awathathinto kweli qhawe

Indiva ngelizwi ndisaqhamka entla kamzi

 

Iluncedo kwimfuyo kabawo

Xa iibhokwe zisiya emasini

Ukhwaza kube kanye

Qumezakhe kubo! Ibaleke kakhulu

Izirhawule zibuyele ekhaya

Ndinebhongo kakhulu ngenja yam