Follow us

Author: Ibhalwe nguDesirée Botha

Illustrator: Imizobo nguChantelle noBurgen Thorne

Yayilusuku olumnandi, olungaxakekanga ngasemlanjeni. Yonke into yayithe cwaka. Ingxolo ekuphela kwayo yayinguNtakazana etswitswizela phantsi logama wayecoca amazinyo kaMvubu amakhulu, amcaba.

 

UMvubu wayekonwabele ukuba amazinyo akhe acocwe. Wayelele intloko ingaphandle kwamanzi, umlomo ewuvule ng’a. Ilanga lalimfudumezile kwathi engazanga, wozela walala. Waphupha ngesicuku esikhulu sengca enencasa sidadela ngakuye, waza, ephupheni lakhe, waluma kakhulu waza waginya.

 

“Utye uNtakazana!” Ilizwi lamvusa uMvubu esoyika. Yayingomnye wemikholwane. Wawukhangeleka unomsindo kakhulu! Ubuso bawo obupinki babujika busiba bomvu!

 

“Umtyile uNtakazana,” wamemeza kwakhona, ekhomba uMvubu ngephiko lakhe.

 

“Andisoze!” uMvubu wazithethelela. “Nditya ingca, hayi iintakazana! Ngaphandle koko, uNtakazana ngumhlobo wam! Andinakuze ndimtye!”

 

“Ndikubonile! Ebecoca amazinyo akho, waza wena wamginya!”

 

UMvubu wakhumbula iphupha lakhe. Ngoku wayesoyika! Ingaba wayeginye umhlobo wakhe ngempazamo? Waza xa ephuma emanzini, weva isandi esiqhelekileyo sokutswitswiza. YayinguNtakazana!

 

UMvubu wabhekabheka macala onke ukubona ukuba uphi uNtakazana. Ekugqibeleni, waqonda ukuba isandi sasivela phakathi esiswini sakhe. Wayemginyile umhlobo wakhe!

 

“Uyabona? Ndikuxelele!” watsho uMkholwane. Umtyile uNtakazana!”

 

“Ndi… bendingajonganga ku…” wakhala uMvubu. “Kufuneka simhlangule. Kufuneka simkhuphe esiswini sam!”

 

Ngeli xesha zonke izilwanyana ezihlala ngasemlanjeni zasezisondele ukuzokuqonda ukuba kwakusenzeka ntoni na. Zonke zaqala ukuza namacebo.

 

“Masithumele iintlanzi ezincinci zihle ziye esiswini sakho. Zingakhokela indlela ukuze uNtakazana adade aphume,” watsho uNkawu. Kodwa zakuva oku, zonke iintlanzi ezincinci zadada zemka.

 

“Singasebenzisa elinye lamazinyo am ukusika sivule isisu sakho size sisindise uNtakazana,” wacebisa uNgonyama. UMvubu zange acinge ukuba ngumbono omhle lowo.!

Story Categories

Invest in a nation of readers!