Kudaladala, kwakukho umfazi owayehlala nosapho lwakhe elalini ekumhlaba wobuKumkani bamaZulu.
Rhoqo ngeCawe olu sapho lwalusihla luye kulwandlekazi olukhulu olwalukufuphi apho.
Lo mfazi wayepheka ukutya emlilweni lo gama umyeni wakhe wayekhangela iinkuni ezityekezwe lulwandle,
ukuze aziqingqe enze izinto ezintle: iintaka, abantu nazo zonke iintlobo zezilwanyana.
Phakathi evekini usapho lonke lwalusebenza nzima luze ukutshona kwelanga luhlale ngasemlilweni.
Ngeli xesha kwakumnyama kakhulu ukuba basebenze okanye badlale okanye bachwele kwaye lalingekafiki nexesha lokuba balale.
Kungeli xesha kanye ke apho abantwana bathi bacela umama wabo ukuba ababalisele ibali…
The Nal’ibali Trust Unit G06, WBHO House 6 Logan Way Pinelands Cape Town, 7430
+27 (0)21 448 6000
Media Enquires
©2024 Nal’ibali. All rights reserved. | Web Design by The Agency.