Konke kungumsebenzi wam wesiqhelo
Home | Written stories | Multilingual stories | Konke kungumsebenzi wam wesiqhelo

Written stories

Konke kungumsebenzi wam wesiqhelo

Author

Ibhalwe nguBandile Sikwane

Illustrator

Imizobo nguElizabeth Sparg

Listen to the story here

UHank iChebesha eliNomkhitha wayengumpheki ophume izandla kuwo wonke ummandla onengca ende.

Ukungancami kwakhe ukukhangela ezona zithako zifanelekileyo kwakumenza abe nomahluko.

Iresiphi yanamhlanje yayilula, kodwa isidlo sasikhethekile.

Wayesilungiselela uWendy iNxagu. Olo sizana lwalophuke umlenze lubaleka iingcuka ezilambileyo.  

Iresiphi yayinyanzelisa ukuba kubekho izithako ekunzima kakhulu ukuzifumana.

UHank walwa waze woyisa inamba etyebileyo. Yayiza kwenza inyama enencasa kwisityu sakhe.

Wanyamezela ngaphezulu kwekhulu lolwamvila lweenyosi eqokelela incindi nobusi azakwenza ngabo isiselo.

Oonomadudwane abayingozi babonakalisa ukungamonwabeli xa esimba ikhaya labo ekhangela amadumbe. I

tshhu! Itshu! Itshu!

Irhamba lamnyikila ngoku wayeqokelela amaqunube neetumato zasendle.

Ityhefu yerhamba iyingxaki embi kakhulu. Yamthatha iiyure ezininzi uHank ukuba ayikhuphe kuye. 

 

Kungekudala wafika ekoneni yezitalato iWarthog Avenue kunye nesitalato iBaobab.

Izihlobo zonwabela incasa yesityu, zirhabula incindi ngeli lixa zihleka oonomademfu benxwala iinyenzane ezingxolayo.

“Sesona sidlo sakho sakha sagqwesa esi,” watsho uWendy, elenca ngolwimi iintsalela zokutya ebusweni bakhe.

“Inokuba ibingumsebenzi omkhulu kakhulu ukusipheka.”

“Tu ke ngoku,” waphendula uHank ngokuzingca. “Enyanisweni, lo ngumsebenzi wam wesiqhelo.

Linda nje wena isiteykhi serhamba esivuzisa amathe endisilungiselele ingomso!”