Iimpuku nekati
Impuku nekati ziyawaleqana Impuku nekati ziyawaleqana Zisithi nyawu-nyawu, Zisithi nyawu-nyawu-nyawu.
Iintakana
Khanikhangele ezontakana, Ziphaphazela ngamaphikwana. Zithi, “tsiyoyo, tsiyoyo”, Zithi, “tsiyoyo” ngemilonyana yazo.
Inja uToki
(Esi sicengcelezo zingenziwa ngazo zombini iindlela. Singanenkokheli okanye wonke umntu abandakanyeke kumgca ngamnye.) Inkokheli: Ndabona umhambi! Bonke: Ndabona umhambi! Inkokheli: Edlula ngendlela, Bonke: Edlula ngendlela, Inkokheli: Wagragram’uToki! Bonke: Wagragram’uToki! Inkokheli: Ebona umhambi, Bonke: Ebona umhambi, Inkokheli: Edlula ngendlela. Bonke: Edlula ngendlela.
Iphi inja yam?
Iphi inja yam encinane? Iphi inja yam encinane? Enendleb’ezinde. Nomsil’omfutshane. Nomsil’omfutshane. Iphi inja yam, iphi?
Ikati
Katana katana! Katana katana! Uvelaphi katana? Ndivel’ edolophini, Ubuyothenga ntoni? Bendiyotheng’umnqwazi. Umnqwazi! Umnqwazi! Yho! Ndaza ndayibon’ikat’ethwel’umnqwazi. Yho! Ndaza ndayibon’ikat’ethwel’umnqwazi.
Isele
Nalo isele! Emva kwendlu kabawo, Litya lichola chola, Lithi ndakuligxotha, Lithi tsi-gxada, tsi-gxada, tsi.
Iintaka ezintlanu
Iintaka ezintlanu zihleli emthini, Yathi enye: “Masizimeleni” Yathi enye: “Masibalekeni” Yathi enye: “Masigodukeni” Yathi enye: “Masibhabheni” Yathi enye: “Masi …” Gqum!Satsh’isibham! Gqum!Satsh’isibham!
Iminwe yesandla
Bonts’omkhulu, bonts’omkhulu uphi na? Ndim lo, ndim lo, ndiphilile enkosi. Wokolatha, wokolatha uphi na? Ndim lo, ndim lo ndiphilile enkosi. Mnwe omde, mnwe omde uphi na? Ndim lo, ndim lo ndiphilile enkosi. Womsesane, womsesane, uphi na? Ndim lo, ndim lo ndiphilile enkosi. Cikicane, cikicane uphi na? Ndim lo, ndim lo ndiphilile enkosi Minwe yonke, minwe […]
UNogayoyo
Wena Nogayoyo, Uyawaphethe ni? Ndiyawapheth’inja Uyawa yisaphi? Ndiyawa yisendle, Kunan’uyekhaya Ndoyik’uGayoyo Ekhal’engxoweni Esithi, tsiyo-tsiyo Ndafika kumoni Entlantlath’inkobe. Nathi ndikhongoze Wathi zingeziko Ndaya ndalinga Wandibetha ngazo Nam ndaphindisa Xhoba labayeni Bebefik’izolo Bebefik’ izolo Baxhelelw’ encinci Encinci bayala Baxhelelw’imvubu Yona nyam’inkulu.