UNomathemba
(Esi sicengcelezo zingenziwa ngazo zombini iindlela. Singanenkokheli okanye wonke umntu abandakanyeke kumgca ngamnye.) Okhokhelayo: Wena Nomathemba, ubethwe ngubani? Abaphendulayo: Yila ndoda! Okhokhelayo: Iphi ngoku? Abaphendulayo: Nants’ esapha! Okhokhelayo: Khawuyibiz’ izapha. Abaphendulayo: Owu, Hayi ndiyonqena Okhokhelayo: Khwel’ihashe Abaphendulayo: Owu, hayi ndiyonqena Okhokhelayo: Khwel’idonki Abaphendulayo: Owu hayi ndiyonqena As’ke ehla amathmb’ ukubhek’ ezantsi, as’ke ehla amathamb’ […]
Imoto endleleni
Phaya endleleni yafik’imoto, Yathi pip–pip–pip! Gololo pop-pop-pop! Yathini? Yathi pip-pip-pip! Gololo pop-pop-pop!
Eyokuqingqa
(Apha umama okanye lowo umpeleze umntwana uculela ze aqhwabele umntwana kuba emkhuthaza ukuba makazimele xa efunda ukuma.) Wema yedwa, yedw’ umntwana yedwa Wema yedw’ umntwana, yedwa.
Incede
(Esi sicengcelezo zibungonyana, kwaye kudlaliswa ngamagama) Tyelele tyelele Ngqwang’inanqilo, Mntaka Mlanjana, Goduka ncede Ncede ncikane Wafa yindlala Yokophisela Yokophisela
Itipoti
(Esi sicengcelezo sihambisana nokwenziwa ngamalungu omzimba. Umzekelo, umqheba sisandla esigotyiweyo. Kukhonjwa entloko xa kubonakaliswa isiciko, njalo-njalo.) Mna ndiyitipoti Esi sisiciko Lo ngumqheba Lo ngumlomo Ndiyithulule Ndiyithulule
Phaya entilini
Phaya entilini, Esaph’ ezadungeni. Kukho amasele, Yiva ayangxola. Thath’ezakh’intonga, Uyokuzivela, Athi tsi gxada, Tsi-tsi-tsi. Athi tsi gxada, Tsi-tsi-tsi.
Izinyo
Mama ndinezinyo, Lithini mntwan’am? Lithi ndo-ndo, lithi ndo-ndo-ndo
Umvundlana othile
Umvundlana othile, Wangena entsimini. Waqakatha, waqakatha, Wadibana nembotyi. Wayitya kwasemini. Wanyantsula, wanyantsula, Wagoduka ehluthi.
Iimpuku nekati
Impuku nekati ziyawaleqana Impuku nekati ziyawaleqana Zisithi nyawu-nyawu, Zisithi nyawu-nyawu-nyawu.