UNomaza
Unomaza, shunqu Wandophula, shunqu; Esinqeni, shunqu; Esikabani? shunqu; EsikaJoni, shunqu; Joni bani? shunqu; Joni Maqanda, shunqu; Ndize, ndize, Ndize bantwana, Ngapha kolwandle.
Thula Bhabhana
(Le yingonyana eculwa ngulowo ubeleke usana xa efuna lulale emqolo. Atsho elumbambazela de lulale ke ngolo hlobo) Thula bhabhana, Mus’ukulila, umam’uyeza nedinal’ omntwana. Ngubani na lo? Ngubhabha wam, Wenzani na? Uyadlala, dlala, dlala Uyadlala, dlala, dlala Uyadlala. Wenzani na? Uyahleka, uyahleka, uyahleka, Uyalila, uyalila, uyalila, Uyaqingqa, uyaqingqa, uyaqingqa
Eyokuqingqa
(Apha umama okanye lowo umpeleze umntwana uculela ze aqhwabele umntwana kuba emkhuthaza ukuba makazimele xa efunda ukuma.) Wema yedwa, yedw’ umntwana yedwa Wema yedw’ umntwana, yedwa.
Incede
(Esi sicengcelezo zibungonyana, kwaye kudlaliswa ngamagama) Tyelele tyelele Ngqwang’inanqilo, Mntaka Mlanjana, Goduka ncede Ncede ncikane Wafa yindlala Yokophisela Yokophisela
Itipoti
(Esi sicengcelezo sihambisana nokwenziwa ngamalungu omzimba. Umzekelo, umqheba sisandla esigotyiweyo. Kukhonjwa entloko xa kubonakaliswa isiciko, njalo-njalo.) Mna ndiyitipoti Esi sisiciko Lo ngumqheba Lo ngumlomo Ndiyithulule Ndiyithulule
Phaya entilini
Phaya entilini, Esaph’ ezadungeni. Kukho amasele, Yiva ayangxola. Thath’ezakh’intonga, Uyokuzivela, Athi tsi gxada, Tsi-tsi-tsi. Athi tsi gxada, Tsi-tsi-tsi.
Izinyo
Mama ndinezinyo, Lithini mntwan’am? Lithi ndo-ndo, lithi ndo-ndo-ndo
Umvundlana othile
Umvundlana othile, Wangena entsimini. Waqakatha, waqakatha, Wadibana nembotyi. Wayitya kwasemini. Wanyantsula, wanyantsula, Wagoduka ehluthi.
Iimpuku nekati
Impuku nekati ziyawaleqana Impuku nekati ziyawaleqana Zisithi nyawu-nyawu, Zisithi nyawu-nyawu-nyawu.
Iintakana
Khanikhangele ezontakana, Ziphaphazela ngamaphikwana. Zithi, “tsiyoyo, tsiyoyo”, Zithi, “tsiyoyo” ngemilonyana yazo.