Ngenye impelaveki, uThandi noZulfah bafumana ikhowuni eyayenziwe ngekhadibhodi endala. UThandi wakroba kwelinye icala waze uZulfah wakroba kwelinye. Omnye wabona imehlo lomnye! Emva koko bagqiba kwelokuba mabacule ngale khowuni ngexesha elinye kodwa izandi zabo zangqubana!
‘Mandiqale ndicule endlebeni yakho, ze wena ucule kweyam,’ watsho uThandi. UZulfah wabeka ikhowuni endlebeni yakhe wamamela waze uThandi waqalisa ukucula!
‘Twinkle, twinkle, little star,’ wacula uThandi ekhwaza.
Kwangena ISITHONGA sengxolo endlebeni kaZulfah. Satsho kabuhlungu.
‘Yhu, Thandi, yatsho kabuhlungu le ngxolo!’ watsho uZulfah ebambe indlebe yakhe ekhathazekile.
‘Uxolo,’ watsho uThandi.
‘Ndiza kuxelela umama ukuba undenzakalisile,’ watsho uZulfah watsho egqwashula esimka…
The Nal’ibali Trust Unit G06, WBHO House 6 Logan Way Pinelands Cape Town, 7430
+27 (0)21 448 6000
Media Enquires
©2024 Nal’ibali. All rights reserved. | Web Design by The Agency.