Follow us

Thula Bhabhana

(Le yingonyana eculwa ngulowo ubeleke usana xa efuna lulale emqolo. Atsho elumbambazela de lulale ke ngolo hlobo)   Thula bhabhana, Mus’ukulila, umam’uyeza nedinal’ omntwana.   Ngubani na lo? Ngubhabha wam, Wenzani na? Uyadlala, dlala, dlala Uyadlala, dlala, dlala Uyadlala. Wenzani na? Uyahleka, uyahleka,  uyahleka, Uyalila, uyalila, uyalila, Uyaqingqa, uyaqingqa, uyaqingqa

UNomaza

Unomaza, shunqu Wandophula, shunqu; Esinqeni, shunqu; Esikabani? shunqu; EsikaJoni, shunqu; Joni bani? shunqu; Joni Maqanda, shunqu; Ndize, ndize, Ndize bantwana, Ngapha kolwandle.

Umvundlana othile

Umvundlana othile, Wangena entsimini. Waqakatha, waqakatha, Wadibana nembotyi. Wayitya kwasemini. Wanyantsula, wanyantsula, Wagoduka ehluthi.

Iimpuku nekati

Impuku nekati ziyawaleqana Impuku nekati ziyawaleqana Zisithi nyawu-nyawu, Zisithi nyawu-nyawu-nyawu.

Iintakana

Khanikhangele ezontakana, Ziphaphazela ngamaphikwana. Zithi, “tsiyoyo, tsiyoyo”, Zithi, “tsiyoyo” ngemilonyana yazo.

Inja uToki

(Esi sicengcelezo zingenziwa ngazo zombini iindlela. Singanenkokheli okanye wonke umntu abandakanyeke kumgca ngamnye.)   Inkokheli: Ndabona umhambi! Bonke: Ndabona umhambi! Inkokheli: Edlula ngendlela, Bonke: Edlula ngendlela, Inkokheli: Wagragram’uToki! Bonke: Wagragram’uToki! Inkokheli: Ebona umhambi, Bonke: Ebona umhambi, Inkokheli: Edlula ngendlela. Bonke: Edlula ngendlela.

Iphi inja yam?

Iphi inja yam encinane? Iphi inja yam encinane? Enendleb’ezinde. Nomsil’omfutshane. Nomsil’omfutshane. Iphi inja yam, iphi?

Ikati

Katana katana! Katana katana! Uvelaphi katana? Ndivel’ edolophini, Ubuyothenga ntoni? Bendiyotheng’umnqwazi. Umnqwazi! Umnqwazi!  Yho! Ndaza ndayibon’ikat’ethwel’umnqwazi. Yho! Ndaza ndayibon’ikat’ethwel’umnqwazi.

Isele

Nalo isele! Emva kwendlu kabawo, Litya lichola chola, Lithi ndakuligxotha, Lithi tsi-gxada, tsi-gxada, tsi.

Iintaka ezintlanu

Iintaka ezintlanu zihleli emthini, Yathi enye: “Masizimeleni” Yathi enye: “Masibalekeni” Yathi enye: “Masigodukeni” Yathi enye: “Masibhabheni” Yathi enye: “Masi …” Gqum!Satsh’isibham! Gqum!Satsh’isibham!

Invest in a nation of readers!