USiqwentshu noZukile
Home | Create your own story | USiqwentshu noZukile

Written stories

USiqwentshu noZukile

USIQWENTSHU NOZUKILE Kudala-dala kwayekukho umzi omkhulu owawuzele yimfuyo kwakungekho hlobo lemfuyo yasekhaya eyayingekho apho, abantwana balapha babeyithanda lemfuyo ikwangabo nabayinakekelayo. uZukile omnye wonyana balapha nongoyena umncinci kubo, wayezithandela amahobe ehleli nje uyaqiniseka ukuba uwapha ukutya ngexesha lawo awavulele ehokweni kwaye aqiniseke uba anamanzi acocekileyo ngamaxesha onke. Nangona ayeligquba lamashumi amathathu lamahobe kodwa uZukile wayewazi wonke, kwenzekile ngemvakwemini ethile ewapha ukutya emane ewadlalisa waqaphela ukuba elinye lawo lonzakele ephikweni. Igama lalo yayinguSiqwentshu kuba lalinomsila omfutshane ongade ukhule ngokuqgibeleleyo. Wasondela kuye uZukile intliziyo yakhe ibuhlungu, wamfunqula wahamba naye wayokukhangela uncedo, wadibana noMkhuluwa wakhe. “bhuti jonga uSiqwentshu wonzakele” watsho exakiwe “oh khawume kancicni Zukile ndakumjonga ubuya kwam okwangoku ndileqa ebaleni lebhola ekhatywayo” watsho ebhekapha engamjonganga oku. Waqhuba uzukile nokufuna uncedo udibene no dadewabo omdala “Sisi ndicela uncedo uSiqwentshu wonzakele” wacenga watsho “Ndisaleqa emlanje lingekayi kunina ilanga, ndakumjonga ubuya kwam wethu Zukile” watsho embambe egxeni kodwa exhabashile. Abazali bakhe babengekho beye emgidini kwilali engaphesheya komlambo, wacinga icebo lokuba makazame ukumbopha ngesiqwenga sempahla kuba wayedla ngokubona kumama wakhe xa enceda yena xa elimele emdlalweni, kwafika uTatomkhulu wakhe uMyirha. “Wenza ntoni na mzukulwana?” wabuza watsho utatomkhulu “Ndizama ubopha uSiqwentshu tatomkhulu ulimele ephikweni” watsho uZukile “Oh ndiyabonake ke nyana khawusondele ndikuncedise” watsho ehlala phantsi ecaleni kwakhe. Wambopha iphiko elo walidibanisa noluthi esenzela uba ithambo elo lephiko lophukileyo limile kakuhle lingabigoso ukuphila kwalo. Zonke izilwanyana zalapha ekhaya zabiza imbizo zinesikhalazo sokuba oko wathi wonzakala uSiqwentshu azifumani luhoyo luyephi kusapho, wonke umntu uxakeke ngokunceda uSiqwentsu. Zimbi zamnyukuthya zimbiza ngamagama okuba nguSiqhwala, okanye ngunNomlenzana. Yamkhathaza lento uSiqwentshu ingamphathanga kakuhle konke konke, wabalilolo kwezinye intaka kuba wayengakwazi ukubhabha, Wayehleli nje ucholachola izinambuzane phantsi kwemithi kodwa ekulangazelela kakhulu ukukwazi ukubhabha kwakhona naye afane nezinye intaka. UZukile wayeqiniseka uba yonke imihla uyamlolonga uSiqwentshu ngokumfundisa ukubhabha. USiqwentshu kunyeZukile babesoloko bechitha ixesha kunye babesondelene kakhulu ngentliziyo, apha akhoyo uZukile wawunofika uSiqwentsu ejingxela ecaleni kwakhe, noba kusesapha ezimpahleni okanye ethafeni ebholeni wayelapho naye uSiqwentshu kwaye naye uZukile engafuni kwanto edlalela ngakuSiqwentshu. Waphila usiqwentshu kodwa kwabonakala uba akasazimiselanga kubhabha, kodwa uZukile zange anikezele wabane emfundisa ukubhabha ngokumane emphosa phezulu, aphaphazele nje aphinde abuye eze ezanzi. Akhwele phezu kodladla uZukile amyeke abhabhe nje aphinde abuyele kuye. Zaphinda zabamba enye intlanganiso izilwanyana zalapha ekhaya, umqhagi wabhengeza uba unecebo analo lokuba bahlukane noSiqwentshu, zandumzela ezinye zixakiwe uba anganecebo alithathaphi yena inye nje into ayaziyo ikukhonya ekuseni nje qha. Wabizwa ke uSiqwentshu emhlanganweni wafika zonke izilwanyana ziyengezelisa inyembezi zinxubile kodwa akabuza nto. Waqhuba uMqhagi wenjenje “Kuvakala uba ngomso emvakwemini kuzokubakho isiyunguma setheko apha ekhayeni, sokuvuyisana noZukile umhla wakhe wokuzalwa ngoko ke abazali bakhe baqgibe kwelokuba bamxhelele ihobe kuba ewathanda amahobe”. Watsho uMqhagi “Kwaye elo hobe iyakube inguwe” wakhwaza epha ngasemva uHashe “Asiyonyani leyo soze andeze lonto uZukile ngumhlobo wam osenyongweni, undixelela yonke lemihla ukuba undixabisile ufuna ndiphile ndikwazi ukubhabha njenegeentaka zonke” “Batsho njalo kuNkosikazi yam kubusika balonyaka uphelileyo kodwa sabona ngentloko yakhe ixhonywe ethangweni”, wandumzela watsho uhagwana. Waphuma ebaleka apho uSiqwentshu intliziyo yakhe imandundu engayikholelwa lento ayivayo, kodwa waba novalo lokuba akafuni kuyibona isenzeka kuye ukuze abubone ubunyani bayo. Zange alale ngobobusuku ejika-jikana nokuba uzakuthini kanene kuba wayengakwazi ukubhabha kwakhona oko wathi wonzakala. Wavuka kwangentseni njengesiqhelo uSiqwentshu wayokuchola-chola inkozo zombona nezinambuzane njengezinye intaka, yathi igusha xa igqitha ngakuye yathi “Unamandla ngaphezukokuba ucinga Mheeeeeee” yabheka pha inyantsula wayijonganje uSiqwentshu wajingxela ukuya ngakurontabile apho aqhele ukumfumana khona uZukile xa emfuna, wathi nje ukumbona bavuyelana bahamba bayoudibana nabanye abantwana balapha ekhayeni kwahanjwa ke kwayiwa ngasexandeni kwakuqina ilanga apho babemana bedlala khona imidlalwana kubane kubolekiswana ngokubhabhisa uSiqwentshu bamjwile phezuuulu wiiiiiii aphinde abuye. Lafika naye ithuba lakhe uZukile uba makamjwile wabhabha uSiqwentsu pha pha pha pha ngcu phezu kwendlu, baxhuma-xhuma bonke bevuyisana noSiqwentshu ngempumelelo yakhe emva kwexesha elide engakwazi ukuzibhabhela, waphinda wabuya waphinda uZukile wambhabisa kwakhona wabhabha wayokuchopha phezu komthi wetolofiya. Yaba yimigcobo kumnandi, waphakama apho usiqwentshu wabha-bha wenyuka baleqa bonke ulandela kwelocala ajongise ngakulo, wantinga uSiqwentshu ejongise phezulu wemnka wemnka wayotshona baleqa baleqa bekwaza “Buya Siqwentshu buya” Badinwa kuleqa bahlala phantsi balinda ngethamba lokuba bazokumbona ebuya, kwahamba ixesha behleli apho tuu uSiqwentshu ubuya, kwathi ngoku sele bemkile abanye abantwana washiyeka uZukile enethemba lokuba angabona ephaphazela ebuya uSiqwentshu zanqamleza umbombo inyembezi kuZukile wakubona uba akabuyi uSiqwentshu yashiyeka intliziyo yakhe idandatheke Kunanamhlanje zange aphinde abuye uSiqwentshu!