Inkukhu egcadiweyo kaMakhulu
Home | Written stories | Multilingual stories | Inkukhu egcadiweyo kaMakhulu

Written stories

Inkukhu egcadiweyo kaMakhulu

Author

Helen Brain

Illustrator

Vian Oelofsen

Kwakukusasa ngeCawa ngethuba uZahara wayezoba umfanekiso egumbini lakhe lokulala. Nting ntingyakhala intsimbi yokunkqonkqoza kumnyango ongaphambiliWabaleka waya kuvula ucango uZahara. Yayingumakhulu wakhe lowo wayenkqonkqoza. 

MoloMakhulu,” watshoesanga umakhulu wakhe. 

Ndithenge inkukhu egcadiweyo kubhazabhaza wevenkile,” watsho uMakhuluInkukhu yayifakwe kwibhegi enkulu emhlophe kwaye yayivakala iseshushu xa eyibamba uZahara. Ivumba layo lalisithi ‘nditye’! 

“He-ke!” utshilo umama kaZahara esondela emnyango. “Yibeke etafileni yasekhitshinisiza kuyitya ngesidlo sasemini.” 

Siya kuyitya kudala,” watsho uZahara. “Inuka kamnandi kakhulu.” 

Ndiza kwenza iti,” utshilo uTata esekhitshini. “Nina nobathathu ningahlala apho esofeniniphumleBeningethandi ukubukela iTV?” 

Kuthe kusenjalo uZahara weva iselula katata wakhe ikhala waze wamva ethetha efowunini. 

Kufuneka ndiye emsebenzini,” watsho uTata esiya kumnyango ongaphambili. Ndiza kubuya ethubeni.” 

UMakhulu noMama babengayisanga so kangako leyokoko babebukele eyona nkqubo bayithandayo yeTV. 

Uhambe kakuhle,” watsho uMama. 

Uhambe kakuhle,” watsho uMakhulu. 

UZahara wayezobaUhambe kakuhle, Tata.” watsho. 

Kungekudala yaphela inkqubo yeTV kaMakhulu noMamakwabe sekulixesha lesidlo sasemini. UMama waya ekhitshiniesiya kulanda isonkaisaladi kunye nenkukhu egcadiweyo. Wavula ibhegiwakhupha inyama yenkukhu waze wayibeka epleyitini. YhoAmehlo kaMama athi gqa-a-a kukothuka. Kwakukho into engekhoyoWawungekho omnye umlenze. 

Zahara!” wakhwaza. “Yiza aphakhawuleza ngoku.” 

UZahara wayesazi ukuba xa uMama emkhwaza ngelizwi elivakala linomsindo, kufuneka eze ngokukhawuleza. Msinyanewabeka phantsi ikhrayoni yakhe, wakhawuleza ukuya ekhitshini. Kwenzeke ntoni, Mama?” wabuza. 

Utyiwe nguwe umlenze wenkukhuKukho umntu okhuphe umlenze wonke wawutya,” watsho uMama esalatha inkukhu. 

Hayi, Mama,” watsho uZahara. “Ndiyakuthembisaasindim.” 

Uqinisekile?” wabuza uMama. 

Ndiqiniseke KAKHULU, Mama,” watsho uZahara ebukeka ekhathazekile. 

UMama zange aphinde athethe nto. Endaweni yokowaphuma phandle waya kwindawo uMalume uJoe awayelungisela kuyo imoto yakhe. 

“Joe, utyiwe nguwe umlenze wenkukhu ekhitshini?” wabuza uMama. 

UMalume uJoe wayengxolelwa ngunomathotholo awayewuvulele phezulu. Andiva!” wakhwaza esitsho. 

“UTYIWE NGUWE NA UMLENZE WENKUKHU?” kwakhwaza uMama ukuze avakale ngaphaya kwaloo mculo. 

“Ewe, torhondingayivuyela inkukhungokunjalo neglasi yesiselo esibandayo,” wakhwaza. 

UMama wabefunyekaWaya emthini omkhulu wemengo osekoneni yegadi. UmntakwaboZaharauDavid nomhlobo wakhe omkhuluuLebobabedlala apho kuloo masebe omthi. 

“David,” watsho uMama, “utyiwe nguwe umlenze wenkukhu?” 

Owu kwakuhlesele ilixesha lesidlo sasemini?” wabuza uDavid. Sesilambe kakhulu.” 

Utyiwe nguwe na umlenze wenkukhu?” waphinda wabuza uMama. 

Hayi, Mama,” watsho uDavid. 

Khange awutye,” watsho uLebo. “Oko thina besidlala kunye apha emthini.” 

UMama wabuyela endlwini. Wayequmbe esisifu. “Xa kungekho mntu owutyileyo umlenze wenkukhu,” watsho. “Makube uphi ke?” 

Mhlawumbi linenekazi lasevenkileni eliwuthathileyo,” wacebisa ngelitshoyo uZahara. 

UMama waqhwaba izandla. “Kunjalo kanyeNantso into eyenzekileyoInenekazi lasevenkileni elithengisele uMakhulu inkukhu lifanele ukuba lilo eliwutsale loo mlenze lawunika omnye umntu.” 

Tyhini hayi ke ngoku,” wakhala ngelitshoyo uMakhulu. “Ndimcele ukuba andithengisele inkukhu egcadiweyo epheleleyoNdihlawulele inkukhu egcadiweyo epheleleyokodwa ngoku yena uyazithathela enye yayo. Ngoku inyama yethu ayisayi kusanela isidlo sasemini.” Waqala wakhala ngoku uMakhulu. 

Wayelusizi kakhulu uZahara kukubona uMakhulu ekhala waze naye waqalisa ukukhala. Oko kwamkhathaza uMama. Baze bobathathu bahlala phantsi bakhalabakhala, bakhala. 

UMama wafinya waze wasula amehlo akhe. Ayinakuba njalo loo nto!” watsho. Oobhazabhaza beevenkile abavumelekanga ukwenza okoSiza kubuyela evenkilenisibaxelele ukuba bafanele ukusinika enye inkukhu egcadiweyo.” 

Ngoko keuMamauMakhulu noZahara banduluka ukuya kubhazabhaza wevenkile, waze uMalume uJoe wasala ebeke iliso kuDavid noLebo. 

Ndicela ukuthetha nomphathi,” watsho uMama bakufika aphoWayethetha ngelizwi lakhe elinomsindowaze umphathi weza ebaleka. 

Ndingakunceda ngantoniNkosikazi?” wabuza umphathi. 

Kukho umntu othathe umlenze kwinkukhu yethu!” bakhwaza uMamauMakhulu kunye noZahara ngaxeshanye. 

Yinto embi kakhulu leyo,” watsho umphathi. “Ndiza kubiza inenekazi elisebenza kwikhawuntara yeenkukhu ezigcadiweyo.” Wasebenzisa umnxeba wonxibelelwano lwangaphakathi waze wathi, “Nenekazi leKhawuntara yeeNkukhu eziGcadiweyo, Nenekazi leKhawuntara yeeNkukhu eziGcadiweyonceda yiza kwiofisi yomphathi ngokukhawuleza.” 

UMama wayengqisha-ngqisha ngesithende ngethuba elindile. Kwangoko inenekazi lekhawuntara yeenkukhu ezigcadiweyo lafika libaleka. Ndinganinceda?” labuza. 

 “Lo mthengi uthi wena ukhuphe umlenze kwinkukhu yakhe egcadiweyo,” watsho umphathi. 

Hayiandikhange ndikwenze oko,” latsho inenekazi. “Ndifake inkukhu egcadiweyo epheleleyo ebhegini ndaze ndayinika uMakhulu.” 

Hayi bohayihayihayi!” watsho uMama. “Ndithe xa ndivula ibhegi ebinenkukhu ekhaya wabe ungekho umlenze!” 

Inenekazi langcangcazelazagungquza izihlangu zalo. “Khange ndiwuthathe, ndiyakuthembisaandikhange,” latsho njalo. 

Umphathi wayenomsindo kakhulu. “Phathela aba bantu enye inkukhu egcadiweyo ngokukhawuleza,” wakhonya. “Makhulundiza kukunika enye inkukhu egcadiweyo epheleleyo simahlakunye nekeyiki yetshokolethiyokucela uxolo.” 

Ngoko keuMamauMakhulu noZahara bagoduka bephethe enye inkukhu egcadiweyo epheleleyo ekwibhegi emhlophekunye nekeyiki yetshokolethi enkulu esebhokisini. 

Ukufika kwabo ekhayabafumanise ukuba uTata ubuyile emsebenzini. Beniphi?” wababuza. “Kutheni ningekasityi nje isidlo sasemini?” 

UZahara ke ngoko wamxelele lonke ibali. Wamangaliswa kukubona uTata ekhangeleka othuke kakhulu. 

Owu thiza,” watsho uTata. “Ndenze into embiumlenze ndiwuthathe ngokuya bendisiya emsebenziniBendilambilefuthi nenkukhu ibinuka kamnandi.” 

Hayi bo,” wakhala uMama. “Ndifake inenekazi elimsulwa engxakini evenkileni ngento engekhoyo.” 

Mna ke ndifake uluvo engqondweni yakho lokuba mhlawumbi lilo eliwuthathileyo lo mlenze,” watsho uZahara. “Owu thiza!” 

Ngoko ke uTatauMamauMakhulu noZahara bapakisha inkukhu yesibini egcadiweyo kunye nekeyiki yetshokolethi ebheginibanduluka bonke ukubuyela kwasevenkileni. Bakufika khonabaya ngqo eofisini yomphathi. 

Umphathi waxhalaba akubabona – KWAKHONA! “Hayi bokonakele phi ngoku?” wazibuza. “Laa nkosikazi iza kuphinda indingxolise kwakhona.” 

Kodwa uMama zange angxole. 

Sicela uxolo kakhulukakhulu,” watsho uMamauMakhulu noZahara.  

Yimposiso yam yonke le,” watsho uTata. “BendilambileNdim othathe umlenze. Nceda ubize inenekazi lekhawuntara yeenkukhu ezigcadiweyo.” 

Umphathi waphakamisa umnxeba wonxibelelwano lwangaphakathi, Nenekazi leKhawuntara yeeNkukhu eziGcadiweyoNenekazi leKhawuntara yeeNkukhu eziGcadiweyonceda yiza kwiofisi yomphathi ngokukhawuleza.” 

Inenekazi lekhawuntara yeenkukhu ezigcadiweyo lalikhangeleka lisoyika kakhulu lakubona uMamauTatauMakhulu noZahara. “Nceda torho, ungandigxothi,” litshilo kumphathi. 

Kodwa uTata wakhupha isipaji sakhe wanika umphathi imali yenkukhu egcadiweyo neyekeyiki yetshokolethi. Waze wanika inenekazi ipakethe. Bamba apha,” watsho. “Ndicela uxolo ngokuba sikufake enkathazweni. Uncede uzonwabele ezi zinto.” 

Inenekazi lalivuya kakhulu kukuba nenkukhu kunye nekeyiki ngesidlo sayo sasemini. Kodwa uZahara wayedanile. “Ude umphe nekeyiki yetshokolethi,” watsho uZahara. 

Ngoko ke uTata waphinda wakhupha isipaji kwakhona wathenga enye inkukhu egcadiweyo nenye ikeyiki yetshokolethi. 

Emva kwesidlo sasemini wonke umntu wafumana isilayi sekeyiki – uMama, uTatauMakhuluuMalume uJoeuZaharauDavid noLebo. Kodwa esona silayi sikhulu sanikwa uZaharakuba wayeyintombazana ethandwa kakhulu nguTata.