Umzi oneefestile zegolide
Home | Node | Umzi oneefestile zegolide

Written stories

Umzi oneefestile zegolide

Author

Libaliswa ngokutsha nguKirstin Hartmann

Illustrator

Imifanekiso izotywe nguNatalie noTamsin Hinrichsen

Translator

Liguqulelwe esiXhoseni nguMlamli Matshingana

USita wayehlala kwindlu encinci, eyiflethi, kwisitalato esixineneyo kwelinye icala lenduli. Usapho lwakhe lonke lwalusebenza nzima kakhulu. Umama wakhe wayesenza iisari ezintle kakhulu zoomama eli lixa utata wakhe enza iisuti zamadoda ezikwantle.

 

Ngenxa yokuba umama wakhe notata wakhe babewenza kakuhle kakhulu umsebenzi wabo, babebaninzi gqitha abantu ababebacela ukuba babathungele iimpahla. Kwakusoloko kukho umsebenzi omninzi gqitha ofuna ukwenziwa, kangangoba uSita kunye nodadewabo kwafuneka ukuba bancedise abazali babo ekuthungeni. La mantombazana mabini ayehlala kwigumbi lawo elincinci ayelala kunye kulo, asebenze kunye. Kodwa ngamanye amaxesha kwakungekho sithuba saneleyo sabo bobabini KUNYE nomthungo owonele bona bobabini, nto leyo yayibaxabanisa kakhulu.

 

Ngenye imini uSita weza necebo. Kwakungokuhlwa ehlotyeni, kuzole kamnandi waza wagqiba ukuba aye kuhlala ngaphezulu kophahla lweflethana leyo yabo, athungele khona. Eluphahleni apho wayekwazi ukubona idolophu ezantsi kunye nomgama oya endulini. Kodwa endaweni yezindlu eziyinqwaba ezazifanele ukwakhiwa kuloo nduli, yayinye qha indlu eyayakhiwe, neyayiphezulu kanye enkcochoyini.

 

Lithe xa ilanga litshona, uSita ewugqibile umsebenzi wakhe, ilithakazi eligolide latsala iliso lakhe. Yayiyila ndlu isenkcochoyini yenduli, kwaye yayintle ngokwenene. Iifestile zayo zazibengezela okwegolide.

 

“Owu,” watsho uSita. “Akwaba bendihlala endlwini efana naleya. Ndiqinisekile banamagumbi amakhululu nendawo eninzi yokuhlala kulaa ndlu. Inokuba ingcono kakhulu kunale yethu.” Ngobo busuku uSita waphupha ngendlu eneefestile zegolide.

 

Ngentsasa elandelayo, uSita nosapho lwakowabo batya ibrakfesi kunye kwitafilana encinci esekhitshini. “Nobabini mantombazana nisebenze nzima kakhulu,” wancoma umama wabo, “ngoko ke sicinga ukuba nobabini nifanelwe kukuphumla namhlanje. Ningenza nantoni na enifuna ukuyenza!”

 

“Ewe,” watsho utata wabo engqina. “Nilonwabele usuku lwenu, ze nilusebenzise kakuhle kuba niluzebenzele gqitha.”

 

UdadeboSita watswina ngenxa yovuyo. “Zininzi kakhulu izinto endifuna ukuzenza! Andikwazi nokukhetha ukuba ndiqale ngeyiphi na!” waze waphuma egqotsile ekhitshini.

 

Wancuma uSita. Wayesazi ngqo ukuba ufuna ukwenza ntoni na yena. Wayeza kuhamba aye kukhangela umzi oneefestile zegolide.

 

Njengokuba ehamba endleleni nje, ingqondo yakhe yayibethabethana ziingcinga zenkangeleko yendlu leyo xa sele esondele kuyo. Wayengazange tu akhe ayibone igolide yokwenene ngaphambili. Wahamba ixesha elide wade ekugqibeleni wayokufika enkcochoyini yenduli. Wothuka kakhulu akuqaphela ukuba indlu leyo ayikho nkulu kangako kunaleyo yakokwabo … kwaye zange abone kwafestile zagolide nakakade.

 

“Mhlawumbi kufuneka ndijikele kucango lwangaphambili,” wacinga njalo. Waya kucango lwangaphambili, kodwa kwakungekho golide tu apho.

 

Kanye kweso sithuba inkwenkwana ethile yavula ucango. USita wabalisela inkwenkwe indlela athe wabona ngayo le ndlu ineefestile zegolide xa echophe eluphahleni lwendlu yakokwabo. Wambuza ukuba ngaba uyayazi na ukuba iye phi na indlu leyo ebeyibona.

 

“Ewe, ndiyayazi!” watsho echulumancile. “Ujonge kwindawo engeyiyo. Ndilandele!” Wahamba naye wamsa kwindawo enomthi awuthanda kakhulu. “Uyakwazi ukuyibona le ndlu xa uphezulu phaya emthini.” Wakhomba kwelona gatya liphezulu lomthi. Bekunye, bakhwela emthini baya kutsho enkcochoyini yawo.

 

“Uyayibona ke?” yabuza le nkwenkwana.

 

USita wayejonge eqwalasele ekhayeni lale nkwenkwe. “Hayi,” watsho ekhathazekile.

 

Inkwenkwe yahleka. “Kutheni ujonge ekhayeni lam nje? Khangela phaya …” wamkhombisa endulini emgama. Yayiyinduli uSita ahlala kuyo le amkhombisa yona. Wayekwazi ukubona yonke imizi eneeflethana ezincinci kwelinye icala lenduli kwaye ekwazi nokubona kokwabo. Imitha yelanga yamaxa kutshona ilanga yayisenza iifestile zendlu yakokwabo zikhazimle okwegolide entle ekhazimlayo.

 

“Ndiyayibona!” wahleka esitsho.

 

“Ibonakala iyindawo ekhethekileyo,” yatsho inkwenkwe.

 

“Yiyo nyhani,” wancuma baze bobabini behla emthini lowo.

 

Kwakusele kuqala ukuba mnyama ukufika kukaSita kokwabo. Weva amazwi abazali bakhe nodadewabo onwabileyo ngaphakathi endlwini. Wayekonwabele kakhulu ukuba sekhayeni lakhe.

 

“Ubunosuku olumnandi ke?” wabuza uyise.

 

USita wancuma. “Ewe kunjalo!” watsho. “Kwaye ndifunde ukuba sinendlu entle kwaye ngamanye amaxesha iba neefestile zegolide.”

 

Emva koko, bonke bahlala phantsi etafileni ekhitshini waze uSita wababalisela ngosuku lwakhe nendlela onwabe ngayo kwiflethana yabo, esecaleni kwenduli.

Sebenzisa ubugcisa bakho!

Balisela abantwana bakho ibali malunga nexesha apho wawuziva uneentloni ngalo uze ubakhuthaze ukuba babalise awabo amabali okuziva 'beneentloni'.