UGus, igorila engumcuphi | Nal'ibali
Home | Node | UGus, igorila engumcuphi

Written stories

UGus, igorila engumcuphi

Author

Libali lika-Ann Walton

Illustrator

Imifanekiso yekaRob Foote

Translator

Liguqulelwe esiXhoseni nguNobuntu Stengile

UGus kunye noGabby, iigorila ezimbini ezilungileyo nezinobubele, zazihlala kwindawo ekhethekileyo kumyezo wolondolozo-zilwanyana. Babenendlwana encinane yokulala, kwakunye noojingi abayijim yokuphinyela nokugwencela eyenziwe ngeepali ukuze badlale kuyo. Kananjalo babenayo nemithi yokugwencela ekufutshane apho.

 

UGus kunye noGabby babesitya isidlo sasemini. Babesitya ikhaphetshu nethanga neembotyi kunye nombona, kananjalo babesitya nama-orenji amaninzi neepopo nama-apile kunye neebhanana. Babezithanda kakhulu iibhanana!

 

Ngephanyazo kwathi gqi intloko yenkwenkwana encinane ngaphaya kodonga lwesitiya sikaGus noGabby.

 

"Molweni," kutsho le nkwenkwe.

 

"Molo nawe," kutsho uGus.

 

"Ndingangena ndize kudlala kwaba jingi benu?" kubuza le nkwenkwana.

 

"Ewe," kutsho uGus. "Yihla uze apha ezantsi, esitiyeni, kodwa uze ulumkele elo tyholo linameva!"

 

Kwa-oko inkwenkwana yatsiba, yehlela ezantsi yaze yayakuthi thekence kwingca esecaleni kweegorila.

 

"Sele siza kugqiba ukutya isidlo sethu sasemini, kodwa sisenebhanana enye eseleyo," kutsho uGus. Nangona wayezithanda iibhanana ngaphezu kwako nakuphi na okunye ukutya, uGus wayeyigorila enobubele kakhulu. Wayithatha loo bhanana wayinikezela kwinkwenkwana encinane.

 

"Uyayifuna?" kubuza uGus.

 

"Ewe, ndingavuya xa unokundinika," kutsho inkwenkwana le. Yathatha ibhanana yaze yancuma.

 

"Uphi umama wakho?" wabuza uGus.

 

"Ulahlekile," yatsho inkwenkwana.

 

"Owu. Ingaba nawe ulahlekile?" wabuza uGus.

 

"Hayi, andilahlekanga mna. Ndinguyelo, ndihleli apha nani," yaphendula inkwenkwana.

 

"Yinyaniso leyo," watsho uGus. "Ulahleke njani umama wakho?"

 

"Besihamba kunye, sisitya ii-ayiskhrim, ndaze ndathi xa ndiphinda ndijonga, wabe sele engabonakali ndawo," yatsho inkwenkwana.

 

"Ndiqinisekile ukuba uza kumfumana ekuhambeni kwexesha. Kodwa makhe sibe sidlala okwangoku!" watsho uGus, waza wabamba inkwenkwana leyo ngesandla waza wayinyusela kwelona nqwanqwa liphezulu koojingi abo.

 

Badlala kamnandi kakhulu bobabini ngaloo mva kwemini. UGus wayenyuka esihla, intloko ijonge ezantsi, kuloo manqwanqwa kajingi, esebenzisa izandla neenyawo ukubambelela, nenkwenkwana le ke yayisenza kwanjalo. UGus wabamba isebe lomthi elalijinga phezu koojingi abo, waza wajinga kulo ukuya kuloo mthi mkhulu wawuphezu koojingi abo. Nenkwenkwana ke nayo yenza njalo. Babede bagweqe amasebe ngemilenze yabo, bajinge bejongise iintloko ezantsi! UGus kunye naloo nkwenkwana incinane badlala bobabini yonke loo mva kwemini, de inkwenkwana le yadinwa kakhulu, ayabisakwazi ke ngoko ukuqhubeka nokudlala.

 

"Kutheni ungakhe uphumle nje?" watsho uGus.

 

"Kulungile," yatsho inkwenkwana. Le nkwenkwana yangqengqa yaza yalala yoyi kuloo bhedi icocekileyo kaGus noGabby, nenevumba lengca eluhlaza enuka kamnandi ekuloo ndlwana yabo encinane.

 

"Ukuba ulahlekile, mhlawumbi angahlala apha nathi okokoko," watsho uGabby. "Ndingayivuyela kakhulu loo nto!"

 

"Nam ndingayithanda kakhulu loo nto," watsho uGus.

 

Kanye ngelo xesha kwafika umgcini womyezo wolondolozo-zilwanyana.

 

"Ndicinga ukuba ndiniphathele iindaba ezibalulekileyo," watsho, waza wanika uGus ileta. Emva koko wabashiya, waza walivala ngci isango elo.

 

"Kufanele ukuba ziindaba ezibalulekileyo ngokwenene ezo xa kude kwakho neleta eya kuGus!" wazicingela njalo uGabby. "Ingaba ithini loo leta, Gus?" wabuza etsho ngolo ncumo lwakhe lubanzi luthandekayo uGabby.

 

UGus wakhwela, wenyuka waya kumanqwanqwa aphezulu apho koojingi waza wayivula ileta leyo. "Ivela kwelaa Polisa linguMoloi," watsho njalo uGus.

 

"Yifunde wethu, yifunde!" watsho uGabby ebungxama.

 

UGus wayibamba wayiphakamisela phezulu ileta leyo apha phambi kwakhe waza wayifundela uGabby:

 

Gus othandekayo

 

Sicela uncedo.

 

UMolefe ulahlekile. Yinkwenkwana eneminyaka emihlanu ubudala. Ebehamba kunye nomama wakhe, bejikeleza apho kumyezo wolondolozozilwanyana, bebuka izilwanyana ezahlukileyo. Bebehamba besitya ii-ayiskhrim. Umama kaMolefe uthe uyayithanda i-ayiskhrim yetshokolethi. Waza wathi xa abuza uMolefe ukuba yeyiphi na i-ayiskhrim ayithandayo, waqaphela ukuba uMolefe khange aphendule, kuba ebengasekho ecaleni kwakhe!

 

Umama wakhe uxhalabe kakhulu. Ukhwaze wakhwaza esithi, "Molefe, Molefe uphi?" Kodwa khange kubekho mpendulo.

 

Umama kaMolefe unyuke esehla, wawugqiba wonke lo myezo wolondolozo-zilwanyana, ekhangela uMolefe kodwa khange amfumane. Ngoku ulahlekile. Unyamalele oku kwenaliti engceni! Nje ngolo hlobo!

 

Umama kaMolefe uyalila apha kwisikhululo samapolisa ngoku, Gus. Nceda torho sisengxakini.

 

Ukuba kukho iindaba ozivileyo ngoMolefe, betha isifuba sakho kakhulu nangokuvakalayo, siza kuza sibaleka.

 

Usale kakuhle Gus, wanga unganexesha elimnandi.

 

Umhlobo wakho

IPolisa uMoloi

 

Zamdakumbisa kakhulu ezi ndaba uGus. "Ndicinga ukuba le nkwenkwana ilele yoyi apha endlwini yethu mhlawumbi ngulo Molefe kuthethwa ngaye apha," kutsho uGus.

 

"Kutheni ucinga njalo, Gus?" kubuza uGabby.

 

"Kuba uthe umama wakhe wayesitya i-ayiskhrim ukulahleka kwakhe," watsho uGus. "Ukuba nguMolefe, asikwazi ukumgcina. Umama wakhe uyamlilela apho akhoyo."

 

"Inokuba ulusizi kakhulu apho akhoyo," kutsho uGabby. "Unyanisile, Gus, asikwazi kumgcina."

 

Kanye ngelo xesha inkwenkwana encinane yavuka yaza yeza kubo apho esitiyeni, ityikitya amehlo.

 

"Ndifuna umama wam. Uphi?" yatsho ibuntlimpinika.

 

"Siza kumfumana," watsho uGus. "Ungubani igama lakho nkwenkwe?"

 

"NdinguMolefe," yatsho inkwenkwana.

 

"Ndiza kuxelela iPolisa uMoloi kunye nomama wakho ukuba ulapha," watsho uGus. Emva koko wakhwela wema nkqo phezu kwamanqwanqwa kajingi lowo. Waphakamisa iingalo zakhe waza wabetha njengegubu kakhulu nangokuvakalayo kweso sifuba sakhe sikhulu.

 

IPolisa uMoloi lakuva ukubetha kwegubu. Waya, ebaleka, kwikhaya leegorila, ekhefuzela ngokungathi uyaleqwa. Umama kaMolefe naye wakuva ukubetha kwegubu waza walandela iPolisa uMoloi. Wayekhefuzela, ebaleka ngathi uyaleqwa naye ukuya kwikhaya leegorila.

 

"Yho, saze sakubhaqa Molefe!" utsho ngochulumanco. Wamfunqula emsondeza kuye, wamanga emthe nkqi ngathi uza kuphuncuka.

 

"Bakufumene, Mama!" watsho uMolefe.

 

"Ewe! Bendingathi ndilahlekile ngaphandle kwakho, Molefe," watsho uMama. "Kodwa kutheni ukuze ube lapha ezigorileni?"

 

"Bendidlala kujingi onamanqwanqwa kunye nomhlobo wam, uGus, watsho uMolefe.

 

"Owu ... Nkosi yam! Kulungile ke, kufuneka sigoduke ngoku, Molefe," watsho umama wakhe. Wajonga kuGus. "Enkosi kakhulu ngokugcina uMolefe nokudlala naye," watsho.

 

UMolefe wabaleka waya kuGus, yaze igorila enkulu yammbambazela apha entloko. UGabby yena wamncumela ngolo ncumo lwakhe lubanzi uMolefe.

 

"Nisale kakuhle," watsho uMolefe, waze wahamba nomama wakhe.

 

"Gus, ngenxa yakho, uMolefe ukhuselekile," latsho iPolisa uMoloi. "Ungumcuphi osisilumko ngokwenene!"

 

Ngosuku olulandelayo iNtloko yamaPolisa kunye neqela elikhulu leentambula kunye nomfoti nentatheli bafika apho kumyezo wolondolozo-zilwanyana. Babelandelwa ligquba labantu. Umgcini womyezo wolondolozo-zilwanyana wabakhokelela bonke esitiyeni sikaGus noGabby. Iqela leentambula ladlala ingoma yalo, umfoti wafota uGus, yaze intatheli yabhala inqaku elimalunga noGus kunye noMolefe. Abantu baqhwaba izandla, benza intsholo, bonwabile.

 

"UGus ngokwenene ngumcuphi osisilumko," yatsho iNtloko yamaPolisa. "Wakhe wabamba nesela elaziwayo nelalixhwila iibhegi zegrosari zabantu kwaye ngoku uphinde wafumana inkwenkwana elahlekileyo. Usebenze kakhulu, Gus!" Emva koko iNtloko yamaPolisa yanika uGus isipha esikhulu seebhanana ezityheli yaze yanika uGabby isipha esikhulu seentyatyambo ezintle nezityheli.

 

Bathi xa sele bemke bonke abantu, uGus noGabby bahlala phantsi baze batya zonke ezo bhanana, kwasala yanye kuphela. "Uyayifuna ibhanana yokugqibela, Gabby?" wabuza uGus.

 

"Hayi enkosi, Gus," watsho uGabby ngolo ncumo lwakhe lubanzi. "Ndiza kutya iintyatyambo. Ungumcuphi owaziwayo ngoku. Yitye ibhanana yokugqibela!"

 

Wenza njalo ngokwenene.